Mntundini ndifuna ukwazi kanye kanye
Uyintoni!
Ndifuna ukwazi ukuba ugcine ntoni phakathi entliziyweni
Mntundini, ucinga ntoni kanye kanye engqondweni?
Mntundini, yintoni kanye kanye umsebenzi wakho apha emhlabeni?
Mntundini, ndifuna ukwazi lingekapheli elam ilizwi
Hleze ndiphulukane namazwi
Mntundini, umhle ngokwembonakalo
Kodwa izenzo zakho zenza umonakalo
Mntundini, utshintsha njani?
Mntundini, utshintshwa yintoni kanye kanye?
Ufuna ntoni apha ebomini?
Khawutsho mntu, uqale nini ukuphila?
Ubomi obuseBhayibhileni; ungumntu onjani
Awuzazi kanye kanye ukuba ungubani kwaye ufuna ntoni?
Mntundini, ndifuna ukwazi banzi