Ndandingayoleli
Ngokuthi ndiyakukuthanda
Naphakade kwaye zange
ndenze nyala ngalomazwi
ndandingazigwebi
Lilonke andinatyala.

Andithi ikwanguwe
unobangela wokophuka
Kwezithembiso?
Izithembiso ezo wawufunge
De wabopha iminwe ukuba
Awusokuze uzophule.

Ndibukele ke xa ndithatha okwam.
Phofu konke okulapha kokwam.
Omakaphume kulendlu nguwe
Njengokuba sele wenzile nase mtshatweni wethu.
Nceda uthathe okuncane kwakho
Undikhwelele.

Ngeyam intliziyo sele ndikukhulule
olwakho uthando sele ndilulibele
Nawam amehlo akasokuze aphinde
atywizise lilonke andisokuze ndiphinde ndikulilele,
Kona ukuxola ndikuxolele.
Ndanele Mzwanele.

Kudala ndikunyamezele kuba
Bendicingela intsana zethu.
Kudala noko ndikuxolela tata kaSiphosethu.
ndikruqukile.

Uthando phakathi kwam nawe luphelile.
Ikusasa losapho lwethu ulimoshile.
Zingama zona iindonga kodwa owethu umzi uwuchithile.
Yamkela ukuba andisengowakho
Undikhulule ndiqhubekele phambili.
Undibonisile ba izifungo ziyophulwa
Nam ke…

Ndandingayoleli
Ngokuthi ndakukuthanda naphakade ebubini nasebuhleni.