Mona mbulali wesizwe
Mona mshabalalisi wothandw’ inkathalo
Mbutho ndini yabangendawo
Ungumnyibi wobuntw’ eluntwini
Mfuziselo wegqwirh’ ubugqqirha uligqwirha okwakho
Ungumthabathi wempumelelo kwabaselula
Uyimbangela buhlwempu kwabadala
Mphehli wentliy’ izililo ubuhlungu
Mfufuthekusi wenqond’ ukuxakeka
Ufunzi wesinqala isiqaqa eluntwini
Uyazana na noluntu?

Nob’ ulihilili umpixanisi wezizwe
Ungumkhongi wexwithekw’ incikido
Iphixiphix’ ukuhlukanisi mindeni
Mqhulunqi wendzond’ ukuzondana
Ungumcanasi kwigaz’ imithambo kuluntu
Kant’ uyintoni wena kuluntu?
Ungumbonisi ndlel’ ubumnyama
Umthuntuthi lonwab’ ukutheli ntlungu
Mgobhagobhi wobunhanha ukuthel’ intlupheko
Mnqalekisi wabancinane nabadala
Mbambezel’ ukubambi mpilo yoluntu
Ngab’ uyazana na noluntu?

Mzingeli wobunkedam’ iintandane
Ntsunguli yephanga kwintsana
Moni wemiz’ ukudlakadlakaza
Mxhaxhathekisi wengqond’ ukuphasha
Mfula wobumnyama ntsezi kamtyholi
Ungumondli kwabangew’ uvithiza luntu
Mxheli wentliziy’ ingqondo kanye nomoya
Ulutshab’ olugawula libekelel’ amaqhawe
Ityefu kwabancinan’ umbulali wabadala
Mon’ ungumoni wezithandani kunye nimindeni
Mona ngaba uyazana na noluntu?