Landishiya kodwa ikhehle
Kodwa ikhehle
Wandishiya kodwa tatomkhulu
Wandishiya nezilonda ezinga sokuze ziphole
Wandishiya kodwa akusenani

Kuthi xa kusondele ezinyanga zehle inyembezi emehlweni.
Kuthi xa kusondele ezinyanga zibuye inkumbulo ,
Inkumbulo zobunzima apho ujongise iqeba phezulu.
Inkumbulo apho ndandikubona ndingatsho ukuba ndiyakugqibelisa ngokweliso lenyama,
Kowu! Tamkhulu tamkhulu vuka
Inene wavalwa umkhusane.

Ndiyamkhumbula ngothando nange nyaniso zakhe .
Itsho into enkulu kumagumbi omane omhlaba ilitye lembombo,
ndim indlela ndim ubomi ndim inyaniso .
Landishiya kodwa ikhehle

Ndibethwa zingcinga kunye nenkumbulo ,
Izinto zalo mhlaba zindigubungele.
Lo nto ndandingena mhlobo wumbi ngaphandle kwakho,
Intlungu neentshutshiso zakaloku nje ziyandongamela
Tatomkhulu tatomkhulu vuka.

Sekulithuba kunye neminyaka ndingakuboni phakathi kwekhaya
Seyiminyaka ndingasaliva ilizwi lakho ezindlebeni zam
Sekulithuba ndingasaziva izingqi zakho.

Wangxama ngoku ndizimela mfo kabawo,
Yini nto kaMpondo ukusishiya kwesomhla kunye nobhelekazi.
Kowu kanene wamthembisa ukuba nakwehlulwa kukufa.
Kufa ndiyakuzonda kufa usezakufa nawe ngelinye ilanga

Wandishiya kodwa tatomkhulu
Ubuso bam lixhoba lenyembezi
Inene akukho nto ibitheni ingathanangani .
Landizimela ixhego ndisalibuka
Ndisa livuyela oku kwe nkonyane libona unina.
Landishiya kodwa ikhehle

Tatomkhulu tatomkhulu vuka,
Nabo beyidlakaza inyama yam
Nabo bewuphehluzelisa umoya wam.
Nabo bendohlutha intlaka emlonyeni.
Nabo beyingcungcuthekisa intliziyo yam.
Vuka vuka vuka tatomkhulu ngoba ndiyinkomo edla yodwa
Vuka vuka vuka tatomkhulu ngoba uyawazi amatyathanda nedyokhw’ ezisemagxeni wam
Tatomkhulu tatomkhulu vuka
Landishiya kodwa ikhehle
sakubonana kwelizayo.