Kusa kusile iinyebezi zehla emehlweni am.
Ubuhlungu obusemathanjeni omzimba wam,abuthathinto kobusentlizweni yam.
Amagama owathetha kum ahlaba nzulu okwemela elolelwe uxhela ithole.
Kuyobanini ndilila.

Ndikwezeni, ndonephi ngothanda wena.
Uthando lona ndikunikile, umzimba wam ndikunike wonke.
Intliziyo yam ndikuvulele.
Kodwa amanxeba ondinika wona mihla le ayingawothando.
Kuyobanini !

Kaze eyam intliziyo iyakuma nini uphume umphefumlo,
Ndikwazi uphumla ndilala ubuthongo bokugqibela nam.
Ndoyika nokubuka emehlweni
Ndlela le usoloku ubilelwa leli elam igazi.
Lizakuchitheka kude kubenini igazi lam kulomzi.
Ndijike ndaba sisihlabelo semihla nezolo.

“Ndiyakuthando yintoni ungayiboni lonto …?”
“Kutheni ungandithobeli njenga Thixo wakho wasemhlabeni?”
Yimibuzo yakho ondibuza yona xasele undiphula lomathanjana asadibeneyo emzimbeni wam.

Kanti mna ndonaphi na!
Isono sam kuba ndazalwa ndingeyiyo indoda.
Kuyobanini undihlukumeza, uzenzela umathanga ngomziba wam.
Kuyobanini!