Abay’entshona uhamba nabo
Abaya empuma nabo ukhona
Untaka-mpuku kuba awuzazi ufunani empilweni
Ukwaz’imvelaphi yakho kutyhila ikusasa lakho

Qina yomelela kulondaw’ukuyo
Yiba nguwe kuba akekho namnye onguwe ngaphandle kwakho
Ndincede ungazenz’umntu ongenguye
Lomnt’ungenguye soz’afane nalomntu unguye
Oyenamntu uzazi kakhulu nguwe

Ungabaqhath’abantu kodwa soz’uziqhathe wena
Nyaniseka kuwe kuqala unyaniseke kum kusasa
Yaneliseka yilento uyiyo kunye nale unayo
Kuba nale uyiyo kukhona oyinqwenelayo kunye nale unayo kukhon’ongenayo

Njengob’ukhaliswa yiyo nje bekumele uyabulela
Yiba nombulelo, yonela kub’ukungoneli kudal’umona

Ukhala ngendlw’encinane kukhon’olala phandle
Ukhala ngemoto kukhona orhalela kwa inyawo ezi
Yibanombulelo yeka ukukhalaza kuba ukukhal’akuncedi

Asifani, asilingani singabantu ukanti nekusasa lethu alifani
Yaz’imvelaphi nentsusa yakho nesimosakho
Yazi izipho zakho nezinto okwazi nongakwazi kuzenza
Ngalondlela soze ulahleke
Kowu yhini ndiyakucela ndingxengxeza ungalahlekelwa nguwe

Amandla awafani yaneliseka
Awuyaz’imvelapho yempilo kamakhelwane uzungayinqweneli

Kuyinkos’ukuzazi
Lentw’ikuwe yeyakho ukuze uyisebenzise, eyakho
Engekhoyo akuyoyakho yiyeke daluxolo

Sulahl’imbo ngophoyiyana
Nguwe wedwa onguwe akekh’omnye
Kuyinkos’ukuzazi awufohlozi nalapho ungafunwa khona
Awuzingxali nalaph’ungadingeki khona

Yazi indawo yakho
Ukuzazi akukokuzenzisa
Ukuzazi kukunik’isibindi, nethemba
Ukuzazi akuphoxisi
Ziphuthum’uzigocagoce
Zijong’espilini uzingce
Zingce ngawe kuba akukho ufana nawe
Zingce! Zingce!