Emazweni kude nekhaya kude kuneentlanti
Kude kunesibaya sikabawo nedlaka lenkaba
Kwantliziyo ndise kwaphalaphala
Kwizwe lo nyana wolahleko neminyhadala
Kwinzonzobila zeenkquleqhu zolutsha
Kubomi obahamba ngesatya sombane
Kulunya lwabatsha oluphinda-phindanayo
Loxa elabadala luphindana ngokuncazelana
Ndizile ndangcamla ndeva ngobuncwane
Ndancasanisa de kwexaka ngomxhelo
Kude nekhaya andihlwayelanga nto
Ingxowa yembewu iyavuza ilandelwa zintaka
Ndinga ndingathi ndiyakusuka ndiye kuBawo
Ntonje noxa ndingumph’ uchutywe wacolwa
Umoya wabubhadubhadu undongamele.