Ndikhe ndangumntwana
Ndingazi nto ngeenzingo zomhlaba.
Namhla ndisenzonzobileni.
Kwisithokothoko sobumnyama.
Impumelelo kum imfiliba
Kodwa andonanga mntu
Nditshilo nangok’ andonanga mntu

Ubelibhongo kum uNomabhongo.
Kant’ emva kwam undokhel’ iyelekenkqe
Undombel’ umngxum’ engcwaba ndiphila.
Ndoyela wolokohlo ndangaveli nangonwele.
Ndilale nay’ izolo, ngakusa ndimdlwengulile.

Ndifuna yen’ andinik’ iimpendulo
Ndimone phi, ngantoni na?
Andonanga mntu nezulu lingangqina.
Umtyhol’ ehleli nj’ uzungez’ umntu.
Ndikhonkxw’ izandla neenyawo.
Gam’ elitsha ndilinikiwe.
Kwathiwa ndilibanjwa
Elasekhaya lona latshitshiswa.

Ndandifundel’ ubugqwetha
Ubomi bona bandigqwethel’ entolongeni
Nomabhongo sthandwa ndibhoxe phi na?
Khumbul’ ubukhomba ngophakathi ndikwenzele.
Ndone ngokungabi nazintsiba.
Suka wandiqengqel’ elembomb’ ilitye.

Ndikhululen’ andonanga mntu
Nomabhongo yitsho liphutha
Ndaxola sthandwa ndophule
Inene lamalahl’ andombethe
Ndophule sthandwa ndiyatsha

Intliziyo yam izingceb’ iyaqhekeka.
Nomabhongo yen’ uyagqemfeza.
Awam’ amaphuph’ afa namthanyana
Ndikhululen’ inene andonanga mntu.
Ndoniwe ndanyhashelw’ ilungelo.
Ndoniwe kwabulaw’ ikamva lam.
Ndoniwe ndacinyelw’ isibane sengomso.
Awusandikhumbuli Nomabhongo sthandwa.
Ndophule uyazi andonanga!