Liphumile ilanga,
Kodwa kum kusemnyama.
Zigqamile intyatyambo,
Kodwa kum zisatshile.
Ubomi bumile abuyindawo,
Ndiyahamba nje ngamntu wonke,
Ndiyathetha nje ngamntu wonke,
Kodwa kukho nto ndingayaziyo ngam,
Nto leyo yenza ndiphulukane nolonwabo lwam,

Ndiyihambile imihlaba kodwa ndabuya nembande’skhova,
Ndibahambile osaziwayo kodwa inqaba andabuya nanto,
Ndiyile emaxhweleni ndiyobuza umhlola isimanga andabuya nanto.

Kulendlela ndiyihambileyo kanti,
Yintoni le ndibuye nayo?
Kuyo yonke lengxube vange,
Yintoni na endiyifundileyo?
Ndidibene nendidi zininzi zabantu,
Kodwa isimanga ndifunde ntoni?
Kuko konke okukuthemba nokuthanda kwam,
Ndizuze ntoni?
Kudala ndathemba ndathanda,
Isimanga ndizuze ntoni kuko konke okukusokola?
Eneneni ingaba ndizuze ntoni?