Ndimanxeba-nxeba
Ubomi buyandixangxatha
Ndigilwa zizilingo macala
Ndisebumnyameni ubumnyama bundigubungele
Ndihleli ndodwa andinabani

Zangatsho kum ukub’ ubomi bukrakra
Zange andithele tshupe ngesisihelegu ndisifumeneyo
Ndiyathyudisa ndikhangel’ indawo yokugqobhozela ndiphume
Ndingungantweni nje ohlel’ ebumnyameni
Ndindodwa, ndililolo elingenabani
Ndisisigculelo kwabaninzi
Ndidlakadlaka ndikrazukile ndixhelekile emphefumlweni
Badlala ngam bendidlathuzelisa
Kodwa nam ndingumntu ndifun’ ukuphila
Xabendibiza bathi ndiyinkedama