Kuneminye imibala wohlukile owakho,
Apho kukhona wena akukho lonwabo,
Iziqhamo zokungcola kwakho azinambaliso,
Wena akunaceba gwalandini,
Ungunoza wentiyano ekuhlaleni,
Udala iyanhlukwano kwitsapho kutheni?

Umbi phakathi kwabantu awujongeki,
Uyosulela khwekhwendini lexhwili,
Oh! Owoyise wena sisityebi,
Mna ndiyakoyika ukuba lihlwempu,
Wena uyazalana nobuvila obu!

Zifundiseni ukukhuthala mzotsundu,
Ngoba kona kuyawugxotha lomshologu,
Lento Lizhimhh! Legongqongqo!
Kuzizikhalo kubantwana bubukho bakho,
Usesinye sezifo ezinkanizayo,
Phakathi kuquba ubugebengu,
Kunobunja apho kukhona wena,
Kunawe ndikhetha ukufa,
Usisichotho esiza ngokubhubhisa,
Ungumzondo hambela kude kunam uyanuka,
O! Ungcungcutheko olungaka,
Nkosi engumdali wezulu nomhlba,
Ngaba ingunaphakade na lentlungu kwisizwe sika-Afrika?