Mali mbangeli yesono sethu.

Mqokolelindini wokufa kwethu.

Singathi uyintoni nje wena?

Ungusathana uqobo lwakhe

Ngoba usenzisa izinto esingazifuniyo.

Siphela sibulalana.

Indoda xa Ingenawe bayibiza ngamagama.

Elizweni lokhokho bayo

Abayinikezi qobo ingubo yokwembatha.

Namanzi la kanonkala.

Kodwa yakubanawe, heee! bayibiza ngenkosi.

Kumhlaba wethu

Siphenduke amakhoboka wamakhobokakazi.

Mali ukhohlakele.

Kambe uyasimfamekisa.

Sishiywa ngesibathandayo ngenxa yakho mali ndini.

Okubi nje kukuthi intliziyo

Ayoneli futhi ayikwazi kudlula kuwe.