Ow! Hayike uthando ngokumxakekisa umntu
Ingqondo yam ayikafuni kulibala ngawe
Intliziyo yam ayikafuni kukhupha ngaphakathi kwayo
Ndikhumbula mhla ndiqala ukubona
Indlela owawungayo, uthetha ngayo
Yashiya uncumo ebusweni bam ndachazeka nguwe
Nangona ndandingakwazi ndiqala nokubona
Yiminyaka elithoba sithandana

Sisiwa sivuka sobabini
Ndikhumbula mhla uzibik’indlela ondithanda ngayo
Nam ndakuvulela intliziyo yam sanikana uthando
Kow! Wayelinene umntanomntu
Intombi zimfuna ngapha nangapha
Ehlala ezixelela intliziyo yakhe seyithathiwe
Uthando lwethu lwalubuqilima
Kwakungekho nabani owayengena phakathi kwethu

Wonk’umntu wayebawel’ufana nathi
Nalangoma wawuyithanda ndisayimamela
Zibuye zonk’inkumbulo zeminyaka
Hazuba usandithanda na aph’ukhoyo?
Hazuba usandicinga na aph’ukhoyo?

Ndihlala ndinethemba loba ngeny’imini sophinda sibonane
Siqale kabutsha sobabini
Inene liyinyani elithi engapheliyo iyahlola
Kwelilizwe libi kangaka ndihlala ndikucinga njalo
Andisokuze ndikulibale
Iinkumbulo zidlala ngam ubusuku nemini sana lam buya!