Akukho kukhalaza
Siqhel’ukwenjenje kakade xa kulanyaza
Umban’unezimbo
Xa kanye besicing’umcimb’ubucalanye
Amazulu ayandumzela

Okungath’agqugul’inkathazo
Kanti ke siqhel’ukwenjenje
Asixakwa nto
Khon’ukothuka, sothukile
Kodwa ke asivakalelwa nto

Uvalo yinto yamzuzwana
Kwamhla-mnene siqhel’iingxuba-kaxaka
Amadela-kufa akulo Ntu
Kuf’ayayo kakade
Sikholwa kanye kuba semfuthweni

Asoneli nje kukombela noxhents’emitshotshweni
Lentw’ingumNtu kanti iqule yaligangatha
Kuf’ayayo magokra akulo Nontsundu!