Ndisuka endaweni apho izitalato zigcwele ulutsha
Amantombazana azala imihla nezolo
Abafana bazinikezele kwiziyobisi
Okungathi ikhona into engcono
Indawo apho ufika ulutsha luhleli elangeni
Ludinga into yokwenza kunqabe imisebenzi
Apho abantu udlula ingathi abakuhoyanga
Kodwa utyiwa izithende kulomalanga kuhleliwe kuwo
Nditsho apho ungenawuphatha nje umnxeba wakho
Apho uthi xa umisa imoto ukhwele uphangela
Abafana babone ithuba lokukhuthuza nokubulala
Ngathi baqashiwe beqhutywa ziziyobisi
Ndisuka eCross Roads
Indawo endisuka kuyo