Walala woyela egameni lothando
Ngenene wafunga, kodwa akuthethwa lento
Wangcuma zincwina ngenxa yothando
Lwale bubuthongo noxa uxakene nemeko
Buthongo buni na obu mfazi ndini?
La ncindi yobusi yamhla niqal’ ukwazana
Iguqukre yayincindi yekhala ekrakr’inganyamezeleki
Kodwa ntokazi uqinis’intliziyo unyamezele
Ngenxa yegama, “Sokwahlulwa kukufa”
Buthongo buni na obu mfazi ndini ?
Egameni lothando unyamezele uxulutywa ngamatye
Izithuko nezithonga ngenj’ixukuxa
Uxhatshazwe uxhaxhathekiswa iintsana zibukele
Ubeyintlekisa kodw’umi zwini linye
“Sasithe sokwahlulwa kukufa”
Buthongo buni na obu mfazi ndini?
Abamelwane bazamile ukubonisana nawe
Izalamane zikubizela bucala zithi cela kwabasicatyana
Bambi beza namacebo okukubalekisa
Kodwa nkqi ukuphaphama mfazi
“Eluthandweni kuyanyezelwa” utsho ukuzikhusela
Buthongo buni na obu mfazi ndini?
Buthongo buni na obu mfazi ndini?
Obenza ulale ungaboni namhl’uxhatshazwa
Ugruzuk’ ukruneke wophele ngaphakathi.
Nax’uphaphanyiswa ume ngazwi linye, “Nakwam koze kulunge ngeny’imini,”
Yhina na vuka dadethu, buthongo buni kanti obu?
Zuqaphele ke ntokazi
Abanye basutywe kukufa kule meko
Izinto zingadange zaguquka
Banyamezele banyanzelisa egameni lothando
Kunamhlanje balele kobandayo
Ebuthongweni bekwami kula mazwi, “Uthando luyanyamezela,”