Ukungongoza kovalo oluqhekez’ isfuba
Luvela ngaphakathi kwintliziyo esemafutheni
Ebetha ngesingqi esinye
Kutsho kuchachambe izidlele de zikrazuke
Ndatsho ndathi ndiya kwantliziyo ndise

Ndihambe ndithetha ndedwa
Ndigugutha loo mathafa namathambeka
Nditeketisa izicithi abanye bezikhaba
Ndizithembisa ukuba ndiyakuncathama kuzo ngobuya

Ndisingise kwantliziyo ndise
Lithe lakundongamela elehlobo ndabhenela kumthi
Ubusinda sindeka ziintaka nezinambuzane
Nam undamkele ndancathama
Onjalo wona ukuphola umthunzi

“Mthunzi wam wokuphumla”
Hambo lwam olude
Ngawe ndingabhala ingoma
Iculwe ziintaka ngemini yehlobo
Zithe ngcu kuloo mthi unobubele
Icengcelezwe ngabantwana kwagqusha
Jonga ubuhle belanga lisithela
Lishiya imitha kuthi ezintliziyweni
Jonga nazo izithunzi ziyokroba
Ngobude obungaphezu kwabaninizo
Lindishiyile ilanga

Noko ke andisayi kubuya ngamva
Wena ulilanga kum
Uyakundikhanyisela ebumnyameni
Iinkwenkwezi ziyakundikhokelela kuwe
Ndifezekise izithembiso zam kuwe

Ndamkele kuwe sendifikile
Yiva ukubetha kwentliziyo yam
Bona uncumo endilombetheyo
Wena ulilanga uyinyanga, uziinkwenkwezi
Hlala esifubeni sam

Xola sithandwa andisayi kubuyelamva
Ukuphumla ndikufumene kuwe
Ulonwabo ndilubonile ngawe
Ndimilisele entliziyweni yakho
Undikhusele kumaqhwa obomi