Ndithi ndonceda bani na?
Ndithi ndoncedwa ngubani na?
Nendizalwa nab’ abathembakali
Nendibabiz’ abahlob’ abathembakali.
Ngokhula nabo abathembakali.
Ndothemba bani na?
Ndoncedwa ngubani na?
Ndonceda bani na?
Kuba akusena bantu

Kunguphantsi phezulu
Kulusizi neentlungu nje
Bonke beza begcwel’ uncumo
Ziingcuk’ ezombeth’ ufele lwegusha.
Unyawo lwabo lugxanyel’ ukuchith’ igazi.
Izandla zabo zithuthumelel’ ukukhuph’ umphefumlo.

Inceba ndoyenzela bani na?
Lentw’ iyinceb’ ifanel’ unyana kabani na?
Lentw’ iyinceb’ ifanel’ intombi kabani na?
Uyaguquka nje basikhokh’ emhlane.
Uqwanya nje basebenzele phantsi kwempumlo.
Ulala nje basebenze ngawe
Besebenzela phezu kwakho.
Uhamba nje bakhon’ ababon’ ingcwaba.

Yehova wamazulu
UnguMabizw’ asabele
Nal’ uhlanga lusakhelan’ ukhaba
Ungokh’ umkhanyo Nkosi
Sondel’ umhlab’ uyonakala
Yiza! Yiza! Yehla

Ndilumkel’ endizalwa nabo
Ndilumkel’ endibabiz’ abahlobo
Emhlabeni kusenyanyeni
Kunqongophel’ umntu!
Kunqongophel’ abantu