Aaa! Mvuzemvuze!
Imibele ibhonxileyo lumanyano noxolelwano.
Sithi bayethe kuni maqhawe nani maqhawekazi.

Sinebhongo neqhayiya ngani zinkokheli.
Somthombo wentsebenziswano noxolo.
Sinibonile nizeka mzekweni, nilwel’ inkululeko kweli lizwe.

Amakhaya ebekade evalelekile,
Okwenkukhu zinqunyulwe amaphiko,
Namhla kugxothwa ikati eziko.

Urhulumente omtsha usikhuph’ entluphekweni,
Urhulumente omtsha usikhuph’ ematyotyombeni
Urhulumente omtsha usibalekise kofinyafuthi,
Kowu! Satsho sayeka ukutheza nokusela kunye neenkomo emifuleni.

Kuba kaloku uzuze inkululeko nempucuko.
Kuba kaloku uphethe uphuhliso.
Xa kunamhlanje sinamalungelo ,
Xa kunamhlanje silala kwezexabiso zona izindlu.
Xa kunamhlanje siyaxhamla nakwi nkxaso yesibonelelo sikarhulumente.

Awu! Andinamazwi kuba niyidlalile indima yenu maqhaw’ oMzantsi afrika.
Ewe kambe beniyiminyiki ezintakeni.
Nizimbiza zokuphek’ uxolo nemvisiswano kwesi sizwe.
Maluphakam’ uphondo lwayo maqhawe.
Ukuze luyakunqandwa ziinkwenkwezi!