Umnyaka ka-2017 uphele kakubi ngoba besingekho kunye sonke.
I-Krismesi siyitye sikwi ndawo ezohlukeneyo silusapho.
Umnyaka ka-2018 uqale kakuhle kodwa uhambe wahamba waza neentlungu zodwa,
Inyanga ka-April izenomphanga yahlukanisa intombi ena-7 no mama wayo.
Ubomi bunjalo.

Injani nalento?
NguThixo onoyazi,
Yazi isezinyanga kodwa kungona ithi qatha ukuba akasekho emhlabeni.
Akazokundifowunela ngemini yam yokuzalwa
Andizokwazi ukumfowunela okanye ndimthumelele umyalezo ngeyakhe.
Asizobonana ngo-December.
Akazokusiphekela, akazokusiculela,
Akazokusincumela, akazokusigezela,
Akazokubakho tu.
Akazomthengela umntwana wakhe impahla
Akazokwazi umbona enxibele i-Krisimesi.

Lord have mercy for there is no mercy elizweni.
Ndihleli neengcinga andikwazi ukungamncingi umakazi,
Ndikhule ndinaye kodwa sithetha nje akasekho.

Tyhini Thixo, nyani akasekho.
Ebengenanto nje ukumgqibela kwam,
Kodwa ndikuxelela ukuxelela
ukuba yena simbekile kwikhaya lakhe lokugqibela.
Ebemncinci ke yena, khawume kancinci ndikhe ndikuhlebele.
Ukufa akucalu-caluli, kuthatha kwanto –
Wamncinci, wamdala,
Wathandwa, wacatshukelwa,
Wamhle, wambi.
Wathi ethithithi ayikhathali lanto iyathatha qha,
Isitsho ukuba uzazibona isipili sikhona.

Kudala ndikhala kwaye ndinesinqqala,
Ndicholana neengceba zentliziyo yam ngoba yaphukile,
Ngoba uBabsi akasekho, ugqithile uye kookhokho bakhe.

Bendifuna ukumkhwaza kodwa iindlebe zakhe zivalekile.
Ndizame ukuzibonakalisa kodwa amehlo bawagqumile,
Yonke loo nto ithetha into ethi akasekho umama kaNana.