(Uyaphakama uThemba akhalise intsimbi yokungena kwenkonzo. Uyashumayela acele ukuthandaziswa kuba umthwalo awuthweleyo uyamsinda. Iyaphuma icawe, uThemba uhamba nonina kunye noSisipho endleleni egodukayo)

UThemba: Sisipho ngu mama wam lo.

USisipho: Mholo mama.

UKwanele: Mholo Sisipho.

UThemba: Mama ndicela nje usiphe umzuzu noSisipho.

UKwanele: Kulungile nyana. Uzakundifumana endlini. (Uyabashiya)

UThemba: Sisipho, kunento endityayo.

USisipho: Eyintoni?

UThemba: Abuhli ubuthongo. Ndibona wena emaphupheni am.

USisipho: (Uyothuka) Hayi bhuti, undibona ndisenzani?

UThemba: ungothuki awenzi nto imbi. (Uphefumlela ngaphakathi) Ndiyabona uThixo undibonisa wena ukuba ubesisithandwa somphefumlo wam.

USisipho: Ndingumntwana wenkonzo nje mna. Andizange ndajola.

UThemba: Nam andizange kwaye andiceli mjolo kuwe. Ndicela ubengunkosikazi wam.

USisipho: Themba sukubhuda apha. Inkosikazi? Ndizokufunda mna apha. Andizang’okwenda.

UThemba: Ndiyakucela Sisipho.

USisipho: Hayi, ndizakube ndikubone ngenye imini wethu.

UThemba: Oku kwamanani omnxeba wakho ke Sisipho. (Uyamnika uSisipho)

(Kusemva kwenyanga, uThemba akasalibeki enkonzweni. Usisipho ngokukhathazeka ubhala incwadi eya kuThemba)

Dear Themba

Ndicela uze enkonzweni ngeCawa sithethe okanye unditsalele umnxeba.

Owakho,

Sisipho

Yitsho: Ucinga ukuba kuzakuphela kusenzeka ntoni phakathi kuka Themba no Sisipho?