(Sele iqengqelekile iminyaka. USisipho ngumfundi kwiDyunivesi yasekapa elixa yena uThemba engumshumayeli. Ngolusuku, uSisipho usenkonzweni ekushumayela kuyo uThemba)

UThemba: (Ukuphuma kwenkonzo) Sisi ndicela undilinde.

USisipho: Kulungile bhuti.

UThemba: (Esolula isandla) Igama lam ndinguThemba, abanye bandibiza ngo Zizi.

USisispho: (Esamkela) Mna ndingu Sisipho. Emva ekhaya ndibizwa ngoMakhasa.

UThemba: Kulungile Sisipho. Liphi ikhaya?

USisipho: NdingowaseSajonisi. Apha ndize ngokufunda.

UThemba: Mna ndingowase Bizana, kodwa ngokokukhula ndikhulele kwelicala. Ndikhuliswa ngumama.

USisipho: Kuhle ukwazana Themba. Ndifikile mna eflethini yam. Uhambe kakuhle Themba.

UThemba: Kulungile, sobonana Sunday. (wema wambuka engena)

(Emva kwenyanga, uThemba uhleli nonina. Usezingcingeni uThemba)

UKwanele: Themba mntwana wam utyiwa yintoni? Iintsuku ziqengqelekile ungatyi.

UThemba: Ndikwi fasting mama.

UKwanele: Uzakuxelela bani xa ungazokuxelela mna into ekuhluphayo mntwanam?

UThemba: Mama uyakhumbula ndikuxelela ngentombi yaseSajonisi egama linguSisipho?

UKwanele: Ewe mntwanam, utheni?

UThemba: Ndiphuphe ndincokola naye phezu kwamanzi acocekileyo.

UKwanele: Kuzakufuneka ulawulele umfundisi eliphupho lakho.

UThemba: Ndi-faster nje mama, leli phupha.

UKwanele: Ubukhe wamlawulela uSisipho yena?

UThemba: Hayi mama, ndithini kuye? Mna ndiyakhonza, andikacingi nge ntombi.

UKwanele: Umdala kaloku ngoku Themba. Uzakubangumfundisi onjani ungena mfazi? Nam sendimdala ngoku.

(KungeCawe, uThemba ungena enkonzweni nonina. Kungena uSisipho emva kukuba behleli phantsi)

UThemba: (Uhlebela unina) Mama nanku lo mntwana. (Uhlala ecaleni kukaThemba uSisipho) Mholo Sisipho.

USisipho: Ewe Themba. (UKwanele utsala intamo ngapha koThemba aqwalasele uSisipho ebusweni) Hayi mama, ndinento emdaka ebusweni?

UKwanele: (Uyothuka) Hayi, kutheni ubuza?

USisipho: Ndibona oluhlobo undijonge ngalo.

UKwanele: Uxolo sana lwam.

UThemba: (Uhlebela uSisipho) Ndicela ukubona xa siphuma.

USisipho: kulungile Themba

Yitsho: Ucinga ukuba uThemba ufuna ukumbonela ntoni uSisipho?