(Kungentseni, sibona kwisikolo iMthwa, abantwana bame umgca bayathandaza. Kugaleleka uthotho lomfo waseMazizini, ewunyathele umnyobo we moto ekuthiwa yi SUV. Wayedlala umculo wala maxesha)

Abafundi: (Bephazamisekile). Eish uyatsho lo mculo yazi. (Abanye sebeyeke nokucula)

UThandiwe: (Ekhwaza) Makuthuleke emigceni nitheni na? Tyhini!.

(Uyawucima umculo uAaron. Uthi esehlika abe ethiwe ntsho sisikolo sonke. Unamazinyo amenyezelayo egolide, isihlahla sisindwa yiwatshi yesilivere. Iinwele zakhe ziphothiwe)

UThandiwe: Good morning bafundi.

Abafundi: Good morning titshala.

UThandiwe: Sizoqala sixolise sisikolo ngophazamiseko oluthe lwenzeka. (Ebamba uAaron ngesandla sakhe sasekunene) Lona ke, ngu Mr.A Dlamini uzakubangomnye wotitshala bethu bebanga lesibhozo kunye neleshumi. uzakufundisa iL.O.

Abafundi: (Beqhwaba izandla) Siyakuva titshalakazi. (Kwayingxokolo emva koko).

UThandiwe:(Ekhwaza) Culani niye emagumbini wenu wokufundela.

UMbali: (Uyacula) Siyezulwini ngenyimini!

Aaron: (Uncumile, uyacinga) Hmmm! Watsho kamnandi lo mntwana, ndasuka ndarhalela ukumbamba. Andizelanga kufundisa kaloku mna apha. Ndizokubhubhisa, uzakuba lixhoba lam kungekudala lo mntwana.

(Ungena kumagumbi esikolo azazise kwakhona uAaron. Ungena kwibanga leshumi apho kufundela khona uMbali)

UAaron:Ndicela ukubona la ntombazana ibicula emigceni. Kuthiwa ikweligumbi. (Uyaphakama uMbali).

UAaron:(Encumile) Ilizwi lakho limnandi ngathi lelentakaka yekilisimesi.

UMbali:(Emomotheka) Enkosi titshala.

(KungoMvulo ezintsukwini, sekulithuba uMnu. Dlamini efundisa eImthwa. Ungena kwi gumbi le banga le shumi ephethe incwadi ye L.O)

UAaron: (Ubiza uMbali ngaphambili) UnguMbali, akunjalo?

UMbali:Yes, sir ndinguye.

UAaron: (Ubhekisa ku bafundi) Namhlanje sizakufunda nge senses. Mbali ndiphe imizuzu elishumi ndenze ngawe umzekelo.

UMbali: (Uyothuka) Hayi mfundisi! Kutheni ungenzi ngomnye wabafana abalapha eklasini nje? Kuba uyabonakala ukuba urongo sir, I can’t.

UAaron: Mbali andikubuzanga ziphumo. Lo nto ingathi wazi kakhulu.

UMbali: Kulungile mfundisi. Ungawenza umzekelo ngam.

UAaron: (Ubamba uMbali kumalungu athambileyo)Yoh! Mbali use right uyazibona?

Abafundi:(Abantwana bamangele, ngusebesebe egumbini lokufundela) Yoh! wenzani utitshala?

(Wathi makahlale phantsi uMbali uAaron akubona abafundi begushuza. Ngexesha lokuva UAaron ubiza uMbali kwigumbi elingenamntu)

UAaron: Mbali le nto yenzekileyo phakathi kwethu indothusile. Bendingayazi ukuba I can feel you this way.

UMbali: (Wawakhupha azingqukumba amehlo) what?

UAaron: Yes Mbali, I love you.

UMbali: (Ematshekile) Titshala andiyazi ukuba uthi mandithini. Ndingumfundi mna.

UAaron: (Uyacinga) This girl is playing hard to get, yazi uyandonyanyisa. (Ubhekisa kuMbali) Awundithandi wena Mbali? Khona ukubangumfundi kwakho kungenaphi kule nto? Awufuni ukuba ngunkosikazi wetitshala ngenye imini?

UMbali: Kulungile titshala singathandana.

UAaron: (Ukhuzela ngaphakathi) Iintombi zamaXhosa ngo mtshato! (Ubhekisa kuMbali encumile) Kulungile my Mbaliz.

(UMbali umka kuAaron sele ikhalile itsimbi. Ungena egumbini lokufundela oku ingathi uleqwa ziznja. Onke amehlo abafundi athe ntshoo kuye)

UMfundisi wezibalo: Mbali ubuphi kanti ixesha eli lonke? Uyabona, uzakungaqhubi kakuhle sisi ujike usole thina bafundisi, ube uzenzile.

UMbali: Uxolo mfundisi bendikwigumbi langasese. Ndinesusu esihambisayo.

UMfundisi wezibalo: Kulungile Mbali. Kodwa, ingathi uzozitsalela amanzi ngomsele ntomb’am ukuba awujonganga.

(Umfundisi uyaphuma. Ungena kwigumbi elingenamntu, athandaze)

UMfundisi wezibalo: Bawo wethu usemazulwini. Ndisondela phambi kwakho ndingumoni… (Uthe evula amehlo umfundisi wabe uMnu. Dlamini emephezukwakhe)

UAaron: Mfundisi uyathandaza. Uxolo mntu wenkosi ngokuphazamisa.

UMfundisi wezibalo: Uxolelwe mfundisi wam.

UAaron: Oh! Enkosi mfundisi. (Waphuma ngokukhawuleza)

Yitsho: Ucinga ntoni ngoku ziphatha kuka Mnu. Aaron Dlamini? Ingaba yinto exhaphakileyo le nto yokuthandana kootitshala nabafundi?