UMBALI – Ngumfundi obalaseleyo kakhulu kwisifundo sezibalo. Unelizwi lengelosi xa kuziwa kwezomculo. Yakhiwe intombi yasemzini, iyakhanya ngebala.

UZANDILE – Ngumfundi wesikolo owonwabisayo apho akhoyo. Ubalasele kulwimi lwesilungu. Ungumhlobo ka Mbali kwaye bacula kunye kodwa akamodluli uMbali nge lizwi elimnandi. Naye uzibona esemlonyeni werhamncwa elinguAaron.

UKWANELE – Yinkosikazi ka Aaron. Baneminyaka betshatile. Kuphela efuna ukuqhawula umtshato kuba baxabana oko no Aaron.

UTHANDIWE – Yinqununu yesikolo ekuphela ithandana noAaron.

UATHULE no THULI – Ngamawele kaThandiwe no Aaron. Bazalelwe entluphekweni bade babadala. Abazange bambona uyise, bakhuliswe ngunina. UThuli ngoku uligqwetha elizimeleyo elixa uAthule yena eligqwetha lika rhulumente.

USIPHO – Ngumfana onentlonipho kakhulu nekucacayo ukuba imbeko uyincance ebeleni. Uzibona engena kwiziyobisi, egusha notywala xa esiya esikolweni.