[Kusemva kweminyaka emibini, uBusiswa nesithandwa sakhe uYonela befunda edyunivesithi befundela ubuqqirha. Sibona uBusiswa ezenzela abahlobo abatsha, kodwa ababoni ngasonye nesithandwa sakhe malunga nezihlobo ezi zintsha. Uyafika uBusiswa bezimkhuphile izihlobo ezintsha.]

Busiswa: (Ekrobe ngefestile, ezithethela malunga nakubonayo) Babonakala nje ngabantu abalungileyo ke abantwana babantu, futhi bayathandana nje ngabahlobo. Bayenze yamnandi kakhulu imini yam, bafanele ukuba baphila kamnandi xa benemali engaka namadoda anemoto ezintle ngoluya hlobo.

Thuliswa: (Enkqonkqoza) Hayibo ntombi ungade uthethe wedwa yini, ngoku ndithi ndizakuphazamisa awuhlelanga wedwa.

Busiswa: Musa ukudlala ngam apha wena tyhini, ngumntu onokuvela phi na lowo unokuhlala nam apha? Uyabona nawe kuthe cwaka kanjani apha, wonke umntu uyafunda kulungiselelwa iimviwo. Ufika xa nam ndisithi ngoku ndizakuqalisa ukufunda, noko imini yam niyenze yamnandi, namhlanje ndizakufunda kamnandi.

Thuliswa: Ndazi phi na ntombi, mhlawumbi elakrexe lakho uYonela likhona.

Busiswa: Awusoze ufane umbone ke lowo ngelixesha lemviwo, uxakeke kakhulu zincwadi. Ngaphandle kokuba sizakuya kwithala lencwadi siyokufunda khona.

Thuliswa: Yhu! He is too serious about life mani lowo. Usuke abe ligeza elitsha akubona iincwadi, nangoku ndiyothuka xa ndisiva ukuba unomntu ancuma naye. Ndandicinga uthandana neencwadi ngokuba apho umbona khona ufike etshate nencwadi. Hayi kodwa nani nihamba nivuma nje kodwa tshomi. Khona unalo nje ixesha lokuba ahlale nawe nje ngomfana wakho ngoku ngathi iincwadi zimbambile.

Busiswa: Uyabona ke sisi wakuthetha kanjalo ngomntu endimthandayo kuthi mandikuphume ke ngokuba hleze ungalungelani nam. Ngokuba uYonela uyayazi into ayifunayo apha, uyazazi usuka phi esiya phi.

Thuliswa: Utsho kamnandi ke sisi apha kuthi thina bantu bangazaziyo ukuba sifuna ntoni apha kwaye sisuka phi sisiya phi!

Busiswa: (Ecaphuka) Thuliswa! Kanye, kanye ubuzokuthini apha? Ubuzokulingana nomphefumlo wam na?

Thuliswa: Hayi ndiyaxolisa sisi ukuba ndikukhathazile sihlobo, noko xola ntombi. Bendize nje ukuzokuxelela ukuba bekumnandi ukuba nawe namhlanje ngokuya besiye eRatanga Junction. Bendizokumema ke kwakhona kulempela veki siya eWater Front, bendingathanda ube khona nje ngesihlobo esitsha.

Busiswa: Kulungile ndisezakukhe ndive kuYonela ukuba yena ebengenazicwangciso kulempela veki na.

Thuliswa: Uzakuba nazo njani na tshomi kuyabhalwa kaloku ngoku, nawe ubusitsho usithi ixesha analo lelencwadi. Futhi uYonela wakho akanayo imali yokukukhupha oko kaloku naye ngumfundi ungalibali sisi. Yiyo ke lento thina sazithela Sugar Daddy kulondawo. (eyihleka)

Busiswa: Ndivile ke sisi ndizakubona okanye wena uzakuva ngam ke. Ndicela ukufunda ngoku nam ndiyabhala ngomso. (Ecaphuka)

Thuliswa: Kulungile ke sisi ndova ngawe ke. Uncede ukhawuleze udibane nozincwadini lowa wakho, uyeva ke?

Busiswa: (Evala ucango) Hambe kakuhle nawe! (Ecaphuka, athethe yedwa) Inesibindi lentombi kodwa mani xa inokusuka izokundixelela ezizinto izithethayo ngesithandwa sam. Ngokuba bona bethandana nalamabobosi amaxhego abo baneemoto bazibona bengcono kunam. Namoto ezo ayizozabo kodwa badlisela ngazo. Nam ngenye imini ndakuba nayo ethi mna imoto nexesha lisandivumela. (Kwakhala ifowuni) Ewe! Ohw nguwe sthandwa sam!

Yonela: Hayibo, iphendulwa ngoluhlobo na ifowuni kwezintsuku? Yho! Ungatsho nje idyunivesithi iyamtshintsha umntu.

Busiswa: Uxolo sthandwa sam, nto nje ufowune ndisando kwehlelwa sisihelegu apha.

Yonela: Ngubani ngoku lowo ukhathaza isithandwa sam? Hayike ngoku undichukumisa emanxebeni kengoku lowo. (Ehleka)

Busiswa: Unjalo ke wena ukhe uhlekise nangokufa oku, kodwa ke akukho nto ingako wethu zozobuntombi qha.

Yonela: Akukhongxaki ke, bendifuna nje ukubuza ukuba uzakuba nohambo na kulempela veki?

Busiswa: Utheni wabuza, kukhona apho ufuna siye khona?

Yonela: Uyazi kwezintsuku usuke wandiqala, uqale nini ngoku ukungakwazi ukuphendula umbuzo na sthandwa sam?

Busiswa: Ohw! Xolo sthandwa sentliziyo yam, ndizakube ndikhona andiyi ndawo.

Yonela: Bendicinga sikhe sizikhuphe kulempela veki siyokuzonwabisa sobabini. Sagqibela nini ukonwaba, oko kwaqwalwa ukubhalwa kweemviwo sixakeke zincwadi.

Busiswa: Sizakuya phi ke mntu wam, I can not wait anymore yhu!

Yonela: Its a surprise baby, uzakubona ngoko. Kunganjani sidibane ngoMgqibelo ngentsimbi yesthoba?

Busiswa: Andinangxaki mna andazi wena. Sakudibana phi ke? (Enemincili)

Yonela: Ndizazokulanda apho siye ke kulendawo ndiyicingayo. Ndifuna sichithe yonke imini sobabini qha.

Busiswa: Hayi kengoku inokuba ininzi lento ufuna ukuyixoxa nam nhe! (Encuma)

Yonela: Akukho kwanto ingako kanti qha ndifuna sizikhumbuze mandulo sichithe nje ixesha elininzi sisobabini.

Busiswa: Kulungile ke tata wabantwana bam! (Ehleka)

Yonela: Khawutsho kakade, ndikhe ndakuthi tshe uhamba nelaqembu labahlobo baka-Thuliswa. Ingaba sele ingabahlobo bakho abatsha abaya?

Busiswa: Hayi wena besichithe imini nje Sisonke, kwaye sihlala sonke apha sazana ngolohlobo ke qha.

Yonela: Ohw! Ukuba ke sisi uyazazi wena ukuba ufuna ntoni ebomini, kuyakunyanzeleka uzicebulile kwabaya abantwana akukho nto intle phaya.

Busiswa: Hee! Hayi kengoku sowaqala nini na ukundikhethela nabahlobo? (Ezihlekisa) Kodwa noko ungazikhathazi nganto, asingabo abahlobo bam futhi nam ndiyabazi ukuba bangabantu abanjani.

Yonela: Hayi andikukhetheli sisi kwaye andinako ukwenza njalo umdala xa ungako. Qha andithandi nje mna into yokuba ndikubukele utshabalala phambi kwam ndikuthanda.

Busiswa: Uyawaqalile ke wena ngentshumayelo andikulibelanga, bendithe sivisisene nje ngokuya ndisithi abangobahlobo bam.

Yonela: Kulungile ke ubunyani nobuxoki balonto uyithethayo baziwa kwanguwe.

Busiswa: Hayibo uqale nini ngoku ukungandithembi.

Yonela: Hayi ungandivi ngolohlobo mntwana wabantu, anditsho ukuba andikuthembi, qha nje ndixhalabile ngawe futhi ndiyakhathala ngawe.

Busiswa: Sthandwa sam mna andisokuze ndenze into engazukonwabisa, futhi ezakuthi ibeke ubomi bam esichengeni.

Yonela: Ndiyakuva ke Ntsundu wam xa usitsho. Khawume ke ndiyokuhlamba ngoku ndizokulala.

Busiswa: Ndingeza nam ndizokuhlamba umqolo? (Eqhula)

Yonela: Ungafika kukudala ndagqiba nokokuhlamba ngoku uhlala kude kangaka.

Busiswa: (Behleka) Sakubonana ke sthandwa sam, uyacingwa uyeva? Kodwa sobonana ngomgqibelo, ndiyakuthanda uyeva!

Yonela: Uthandwa ndim kuqala sisi, ndiyakukhumbula mani yhu!

Busiswa: Ukunjulwa ndim wena yhu!

Yonela: Bye! Sthandwa sam.

***

Sixelele: Uyithanda njani indlela uBusiswa amphendule ngayo utshomikazi wakhe?