[Namhlanje yimini entle yangoMgqibelo. Imini ezole nasebukhweni bezinja kodwa ilanga lona lisele lisiya kunina. Sibona uYonela noBusiswa besuka eluhambeni bonwabile.]

Busiswa: Hee! What a day baby. Kutheni na wena wathula kangaka? Ubungonwabanga na, okanye kukhona into ekutyayo.

Yonela: Hayi wena ndiyabona okwakutya besikutya akundiphathi kakuhle.

Busiswa: Ohw! Ndicinga kukhona endikwenzileyo…

Yonela: Hayi noko khululeka nkosazana. Kutheni wacinga ngolohlobo ngokungathi ungumntu oqhele ukundikhathaza?

Busiswa: (Bengena egumbini lakhe) Hayibo ingathi uyangena nje sithandwa sam? Awulibelanga ukuba awuhlali apha ngokuba sekuhlwile neeteksi zizakuphela, uzakugoduka ngantoni?

Yonela: Noko kuhlwile ngoku sthandwa sam, futhi kungempela veki. Awunako ukundiyeka ndilale nje namhlanje apha egumbini lakho?

Busiswa: Hayi! Hayi! Awunako ukulala apha nawe uyayazi akuvumelekanga nje tu. Kaloku yindawo yabantu ababhinqileyo bodwa lena. Wakubonwa apha kuyakuthiwani ngonogada? Hayi andifuni kuxoxa mna.

Yonela: Ukususela nini ngoku ingenziwa lonto apha? Ngokuba lamfana wakwa-Mgudlwa ulala apha rhoqo ngeempela veki kulamntwana athandana naye, lowa uhlala phaya kulamgangatho wesithathu mani uyamazi.

Busiswa: Hayi sthandwa sam wena awunguye kaloku. Khumbula uhlala usithi umntu makangasithi ngesidanga somnye umntu. Andiyazi kengoku wena le ufuna ukuyenza ngokuba ubona kwabanye abantu beyenza.

Yonela: Hee! Hayi inene lala gusha ndikuchebe, andiqondi ukuba ingade ibe lityala ukulala apha qha namhlanje lilo. Kodwa ndakuyicela ivuthiwe uwabambe lamamzwi ndakukubuza ngelinye ilanga. Kaloku andilulo nosana lwayizolo mna, kodwa ke kulungile mandikhululeke kuhlwile ngoku. Akusekho nezoteksi kodwa akunani, ndohayikha phaya endleleni ndiye apha ndihlala khona nawe usale endlini yakho.

Busiswa: kuzakulunga wena sthandwa sam. Uzakulala ngenye imini, khona namhlanje awunako ndicela undixolele.

Yonela: Kulungile lonto iyiyo ke, sobonana esikolweni ngomvulo. Bye!

Busiswa: Bye! Ke sthandwa sam.

Yonela: (Esiya emnyango) Bye ke sisi. (Ecaphuka, etsala ucango)

Busiswa: (Ezithethela yedwa) Yhu! Ekugqibeleni ndade ndakhululeka, ndazibona sendinendwendwe ngenkani ngoku tyhini. Makahambe wethu nam ndisayokubethwa ngumoya. (Etsala umnxeba) Tshotsho… Hallo! Tshomi ndim uBusie, ungazokundilanda tshomi? Uyandiva Thulie, thuliswa? Yho! Kuyangxolwa kulendawo akuyo lona inokuba undivile khona?

Thuliswa: Nyhani tshomi?

Busiswa: Ewe tshomi yiza.

Thuliswa: Sharp tshomi ndiyeza, let me just give a sign to my friends ukuze bandazi bangandikhangeli.

Busiswa: Ukhawuleze ke tshomi, I can not wait to be there nam ndifuna loontswahla kanye itshoyo.

Thuliswa: Sesisendleleni ke tshomi noBig D, sizokulanda ngemoto yakhe.

Busiswa: Sho ke tshotsho! Ndizakunilinda apha ngasesangweni ke uyeva!

Thuliswa: Yhu! I can not believe tshomi uyazi and I am so excited that you are coming. Awusoze uzisole tshomi tu, uzakonwaba nawe uzakubona apha. Everything is here and this is a free life to join sihlobo.

*****

[Kusekuseni egumbini likaBusiswa uvela elonwabeni nabahlobo. Ukhumbula nje kancinci behamba nomntu oyindoda bethetha naye, kodwa uvuka ngoku kungekho nto intle tu. Uphethwe yintloko ebuhlungu nebhabhalaza itsho njalo, kukho nendoda elele apha ecaleni kwakhe.]

Busiswa: (Ezithethela) Yho! Intloko yam madoda ayibuhlungu, ndigqibele sisela ibranti kakhulu. Hee! Ndifike njani endlini khona? (Esiya ekhitshini eyothatha amanzi abandayo) Mandikhe ndingqengqe kwakhona mani, intloko yam ayivumi tu. (Engena kwakhona egumbini lokulala) Bekutheni bethu ndize ndikhulule zonke impahla zam xa ndilala? Hayi utywala abulunganga kodwa.

Big D: (Eswabuluka ezingubeni) Hayi mani baby girl uyangxola, khona uyaphi wavuka ekuseni kangaka.

Busiswa: (Esothuka) Hayi ungubani wena? Khona ufuna ntoni egumbini lam?

Big D: Hayi mani phola sana lwam, ndizakuphatha kakuhle hlala apha ecaleni kwam wena qha ndikupotopotoze baby!

Busiswa: (Ecaphuka) Heyi tata ndithe ungubani waphi? Ufuna ntoni apha endlini yomntwana wesikolo wakugqiba ukuba mdala kangaka?

Big D: Ohw! Ndilixhego ngoku kodwa izolo ubungatsho, ubowonwabela konke endikwenzela kona. Nalapha endlini khange uthi ndilixhego, buwonwabela konke ebesikwenza sobabini, ngoku undibona ukuba ndilixhego.

Busiswa: (Esothuka ezijonga emzimbeni) Yintoni ubuyenza nam wena, ubulele nam wena?

Big D: Hayibo! Baby you were enjoying each and every minute of it izolo nje Nono. Okanye ubuzibhanxela nje mna izolo na phutsununu wam? Yiza mani uBigD uzakuphatha kakuhle akwenzele konke okufunayo.

Busiswa:(Ebambelela entloko) Yho! Thixo wam ndenze ntoni na mna? Ohw! Yini umntwana wabantu ndimenzele ntoni kodwa bawo, uYonela wabantu nkosi yam. Tata ndicela uvuke nje ngangoku uhambe ngokuba lena into eyenzeke phakathi kwam nawe ibingezo njongo zam. Ngapha koko ukuba awuhambi ndakubiza amapolisa ndithi undidlwengule ngokuba andikwazi nokukwazi mna.

Big D: (Evuka, anxibe) Ohw! Kulungile ke sisi ndiyahamba. Kodwa ukuba utshintshe iingqondo ngesigqibo sakho uyazazi inamba zam.

Busiswa: Tata ndicela uhambe torho andinaxesha layo yonke lemfitshi-mfitshi yakho mna, ndicela undikhwelele kwam.

Big D: Ohw! Ndiyayazi ingxaki iphi, mhlawumbi udinga nje ibenye ndikuqabule Nono. Yitsho kaloku nenekazi lam uBig D ngumtshini ozitshintshayo unako konke.

Busiswa: Tata ndithe ndicela uphume okanye ubhidwe yilembeko ndikwenzela yona ndide ndikucele kodwa andikwazi nokuba ungene njani endlini yam.

Big D: Hayi kaloku ntombi ungade uthi awundazi ndize njani kwakho kodwa andiqhekezanga, ndingene nawe apha izolo sazonwabela ke qha.

Busiswa: (Ecaphuka) Tata ndithi phuma endlini yam, phuma mani tata ndini. (Kunkqonkqozwa emnyango) Ngubani lowo? Uyabona inokuba ngumfana wam lowo. Ukuba nguye uzakuzisola, sizayokukubambisa ngoku undidlwengule.

***

Yitsho: Ingaba ngubani osemnyango?