(Ukucholwa kwakhe, emigqomeni enenkunkuma. )

(Kusemalanga sele etshonile undakhanya abaphangeli babuya emisebenzini basuka kuphandela intsana zabo, ingoma itsho kamnandi ngoba elowo nalowo urholile uza nomvuzo wakhe kwikhaya lakhe. Sekudala sisebenza, sisebenza sisebenzelintsana thina,ngoku siyabuya abantwana bethu bazolala bedlile. Ingoma iya isihla kancinci kancinci kuvakale isikhalo sosana olusebomvu licaca gca ukuba line nyanga ezingephi. )

Tshangisa: Madoda niyayiva lento ndiyivayo?

Qhinebe: Ingathi lusana nje olo. Ayisosikhalo sesana eso madoda?

(Omathathu lo madoda amamelisise kakuhle, babeke izandla zozibini akhombisana nge migqomo emihlanu. kucaca gca ukuba lomigqomo ilindele iloli yenkunkuma. Uqhubeke wasitsho isikhalo umntwana nge xesha enye indoda kula madoda ivula umgqomo bakrobe. )

Mngxhongo: Akhonto kulo umgqomo, nakulona akukhonto, akhonto nakulona madoda.

Tshangisa: Khawjonge kulo ungezantsi ingathi kukho isingqalana esikhoyo

Amadoda: Yhoo! Yhooo! Yhoooo! Ngumhlola ke loo! (akhuze amadoda omathathu abambelele esimangeni. )

Qhinebe: Yeeer, ngamasikiziii wantoni lana madoda! (watsho ngokuthintitha okungazenzisiyo wakhamisa. )

Mngxhongo: Yeer, sayithini madoda le ntlekele (omathathu abeka izandla entloko kucaca nasesi dengeni ukuba baxakiwe.) Madoda mna ndingu mphandle kekule sikuyo ingxaki.

Tshangisa: Utsho ukuthini Mngxhongo ukuthi ungumphandle kodwa uyabona elisana liseyimveku? Khona nokuba bekuthwa litheni okusalayo ngu mntwana womntu loo. Angakhala uyaphila!

Mngxhongo: Yitsho uphinda! Ngumntwana womnyumntu ayisingowam Tshangisa. Ngoku! Ndingenaphi kulonto mna? Khona bangaba lo mntwana bekusithwa uyathandwa ucinga ngelapha emgqomeni? Nina nisezawubanjwa njengob’ingathi niyazithanda izinto! Masambeni madoda sanube nizihlupha ngento engani funiyo apha, masimshiyenilo mntwana uzawuzokuzothathwa ngumntu ebemshiyile.

Tshangisa: Qhinebe khawuthethe nale ndoda mfondini, khawuyeke ubukhamisile uthintitha mfondini siza kuthini ngolusana?

Qhinebe: A. a. ayindifuni ncam ke nam le indaba yom-yom-mntwaaaana osengaka khona, sanundifaka madoda nam ayindifuni nam le.

Tshangisa: Uyayazi ukuba andinamfazi mna ngk. ngk. ngk. uthi ndizamthini lo-lo-lo mntwaana.

Tshangisa: Madoda akwenziwa kanje ngumntu oyindoda, yayaphi inimba yakwantu. Nokuba sele esisigede esingenabazali lo mntwana, usaphila. Asikwazi ukumshiya apha kule nkunkuma lomntwana! Khanizibonakalise please ndiyanicela madoda.

Mngxhongo: Mna ndingumphandle qwaba Tshangisa. Andinose ndivele ndichole umntwana kulendlala, kwaye kukuzifaka engxakini into yochola komntwana omncinci, uzobanjwa!

Qhinebe: Naaaa. m ndingu mphandle. lonto ithi mas. . ambe thina Mngxongo!

Mngxhongo: Mfondini ukuba uyamfuna umntwana mthathe uhambe naye, kodwa yamazi umfazi wakho uthetha kuthethwa. Khawucinge nawe akazukuthi ngumntwana wakho loo, qha ngoku uxabene nomama wakhe lomntwana. Shiya lento mfondini masambe subuzixakekisa ngezinto ezingenamsebenzi. Masambeni, ooh awuhambi siyahamba kethina masambe Qhinebe.

Qhinebe: Masambeeee. Mngxhongo! Masambe! Uzawubanjwa loooo ingathi aka. Qiqanga nje (batsho bephuma eqongeni. )

Tshangisa: Madoda, nihamba nyani, sanumshiya yedwa lo mntwana niyayazi ndinomntwana oyintombi endlwini. Ndafa yinkosikazi yam madoda, ndithini ndimshiye (athi sele ehamba elandela amadoda ave isikhalo somntwana) andikwazi ukumshiya lo mntwana, enye into yinkwenkwe nokuba yinkwenkwe le. Yinto endizakuyithetha nabani na lena? Bangaba lomfazi akamfuni lo mntwana ndizomthini? Kodwa andikwazi ukumlahla ngoba kudala nam ndimfuna umntwana oyinkwenkwe, makandi xolele umkam. Yhini Nokwakha andizukukwazi ukumshiya lo mntwana (ethetha eziphendula wamfunqula umntwana ngoku khawuleza wawgqiba waphuma esiya emzini wakhe. )

Tshangisa: Thula kalok kwekwe, thula boy, boy (wathula kwangoko umntwana wakuva izandla ezifudumeleyo. ) Masambe nzakunika enye into yokombhatha uyeva boy (utsho eteketisa ngeloxesha. )

***

Khawusixelele: UTshangisa wenze into elungileyo ngokuchola umntwana abuyele naye endlini?