(Kusemzini ka Tshangisa:, yena kunye no Nokwakha bayaxabana ngelisana licholiweyo ngaphezi kweli bebehleli benalo. )

Nokwakha: Tshangisa ungakulinge ufunqule abantwana babanye abantu uthi loo wakho uzofunqulwa ngubani umntwana yhe, khona ngumntwana kabani lo. ungandixeleli ukuba ukrexezile wena. ungandi phambanisi! Ngokabani xa inge’ngowakho?

Tshangisa:Nokwakha. ndiyakucela s’thandwa sam ndicela uthobe umsindo wakho.

Nokwakha: Yide uthethe ngokabani loo mntwana wena mani. Ingathi awundiqondi kakuhle Tshangisa ndakubilisela amanzi ngoku. Mna ndihleli apha endlini, ndizixelela ukuba ndine ndoda kanti ndine krexe. Yintoni endingakwenzeli yona Tshangisa (wasitsho iskhalo. ) Awoneli ndim Tshangisa ndikuzalele intombi wawugqiba undiphathele omnye umntwana wena. Awumthandi lo wam nawe umntwana nhe? Ndixelele ukuba awumfuni umntwanam Tshangisa ngoba lowo umphetheyo mna andimfuni, ndifunga aMampondomise ephelele.

Tshangisa:Uyayazi ukuba s’thandwa sam angeke ndiyenze yonke lento uyithethayo.

Nokwakha: Ndiyaze laphi, lemfitshi mfitshi uyithethayo hee. Ndiyazelaphi Tshangisa?

Tshangisa: Lo mntwana s’thandwa sam ndimve ngeskhalo ndihamba nalamadoda mabini ndiqhele ubuya nawo emsebenzi umhla nezolo. Angeke ndikrexeze, ndiyakuthanda Nokwakha kwaye nawe uyayazi lonto. Xandibona wena umhla nezolo ndikhumbula usuku osasqala udibana ngalo, usuku oluhle. unoncumo oluhle, umzimba omhle, yonkinto intle ngawe, kulapho mna ndagqiba ukuba ndiyokuba nawe unaphakade (ebuncuma ncumeza uNokwakha. ) Ndiyakucela khawumcingele lomntwana, noko use mncinci lomntu s’thandwa sam. kwaye yintanga yalo wethu futhi, bazawukhula kunye siba hoye bobabini s’thandwa sam aba bantwana.

Nokwakha: Awundiphendulanga kodwa, ngumntwana kabani loo Tshangisa? Sendizokumhoya ngokwam kunye nomntwana wam?

Tshangisa: Andimazi nam ukuba ngokabani kodwa masifowunele amapolisa ukuze asazi nawo esisimanga sijongene naso. Nokwakha wawuthe uzobanami noba kunjani s’thandwa sam, ngoku ke ndiyakucela mkam please! Masibambisane sibakhulise kunye ababantwana.

Nokwakha: Ndiyakuva ke s’thandwa xa usitsho sawukhe siyibone kele yoba khulisa kunye, sibenze amawele babe phofu bengengawongo. Mna andizulanjelwe ngumtwana ngenxa yomcholwa keleyo into uyazi kwangoku.

Tshangisa: Sithethile nje s’thandwa. Khawuze siyobalalisa ababantwana sawuvukela edolophini kusasa siyobathengela iimpahla. Ndiyifumene yonke imali yam noko la mlungu usicingele kule iveki

*****

Qhinebe: Ivantyi yamapolisa uyibonile pha kwa. kwa. kwa.

Mngxhongo:Ibikwa Tshangisa lovantyi?

Qhinebe: Eweeee. Uyichane kakuhle yasuke yangathi ubuyi-ubuyibonile okukwakho. Inoba ebemince uphopho. Lowo ngoba uyakoyikaaaa nokubanjwa (Behleka. )

Mngxhongo:Udewabanjwa ngaloma polisa ke umngani wethu? Sasitshilo! (batsho kunye) Sathi makohlukane nezinto ezizamfaka eziseleleni, yena watsho ukusithatha nje ngezibhanxa, sesiphi kengok isbhanxa? Awumthathi umntu engengomntwana wakho. uzawubanjwa uxhumaxhume uxelise isele entilongweni iminyaka engapha kwe ngqondo! Akavalelwanga ke uTshangisa?

Qhinebe: Akabanjwaaanga kodwa lento yakhe ayeeeenzileeyo isacutshwa ngabantu bomthetho. Uzobanjwa yena kodwa angekhe ayekwe tuu! Uyafana nombiiileyo lamntwaana. Avele achole umntwana! Ayenziwa lonto leyyyo lixweeebhu leee ngxaki ennkulu eloo.

(Ahleka isiqhazolo sabafazi omabini lamadoda)

Qhinebe:Mngxhongo khawuyeke mhlobam ndike ndiyohlamba umziiimba wam ubuhluuungu! Nzokujongela ndibuye ndikubalisele xa sele ebanjiwe lo ungu Tshangisa uzenza ungcwelengcwele gqi gqithiii.

Mngxhongo:Nzawube ndililindile olosuku olo ndoda yesintu, yhini shemu mna ndiyamsizela lomfana ntonje uzenzile akakhalelwa (behleka bobabini bayaphuma eqongeni, iyawubonana bavalelisa ngelo, baphuma kumacala ahlukeneyo ukubonakalisa ukuba bebekhaphana kwase kuqaleni. )

***

Khawusixelele: Ukuba ubunguTshangisa, yintoni ubuzokuyenza ngcono kunoku akwenzileyo?