Izisele zange ndazingena nase maphupheni kodwa jonga namhla ndithwaliswe amatyathanga ngenxa yothando ndima ezinkundleni zamatyala ngenxa yothando. Ndixox’ ingxubaka kaxaka zoxam emgxobhozweni unobangela luthando.

Usoze sisitulo sodaka yiva ngam usoze ngamalinge phula phula ndikuchubele. Kwakungo rhatya nezinto zenzeke ngorhatyazo ndizingcembela nesithandwa sm , kwafika umgulukudu phambi kwethu sele efuna imali esikhombe ngesixhobo sokubulala, kowu ukufa kusembizen ndingeka wachola choli amazimbam ndandingenayo nenjan imali kuba kaloku ndiyaswela ekhaya kuyasokolwa, ndisafuna uyaz kwakuthen ukuze akhethe thina kuba ubuhlwempu bubhalwe kum emzimben.

Ndambona seyezigibisela ebamba bamba umntu wam ngenkani ezinyokonyela esithi ndivise lento umvisa yona lo rheme. Ndaziva ndisithi, “Sombawo ukuba lifikile ithuba ndithathe kodwa le ayinokwenzeka phambi kwa wam amehlo,” ndathath’icingo elali phambikwam ndamgovoza ngalo ndambone tutsalaza seyelusizi wonyuka umxhelo kwaphela ngaye. Wayempompoza igazi labe liphezulu ko vuzis’ amathe wam kuba kaloku ndamhlaba ngase mva wabe seyewela phezukwakhe, wayelijaja ligazi ekhala, lowo yayingenguwo owam umnqweno ukumbona echiphiza inyembezi kodwa nam ndavela ndamelwa yimata ndaphelelwa ngamandla. Kwafika abomthetho bandithatha okongathi ndingumoni, ewe ndinguye umoni kodwa isono sam luthando.

Ekhaya bebene gugu kum, kodwa jonga umhlaba undithathe wandiphosaphi inene inkungu ilala kwi ntaba ngentaba. Uthando lundibeke esihogwen lo bendisithi usisithandwa sm wandishiya esithi akano thandana nombulali intliziyo yam yayilihlwili ukuva lo mazwi ephuma kuye, kodwa oko ndandikwenzela yena ndandi nokwenzela nabani na oli nina, ndandingalindelanga mvuzo.

Uzundimamele mgwebi andizisoli ngokumbulala kakade bendikhusel endimthandayo. Lusapho lwakhe kuphela endilucingelayo, usapho lwakhe lona lushiywe nguye. Yena ebeyinja ehlukumezana namabhinqa. Uxolo mgwebi ngoku swela intlonipho, kodwa ukuyibhentsisa kundenza ndimbone indlela awayeyiyo.

Bangaphi ababanjelwe uthando kweli? Bangaphi abangcwatyelwe uthando? Abanye babulawa ngenxa yothando abanye bazibulala ngenxa yothando abanye balwela uthando abanye batyholwa ngobudlwengu abanye benze ubulungisa ngenxa yothando. Nam namhla ndikwezozibalo ndikwezozibalo zokukhusela endimthandayo.

Mhlambi lo ngumvuzo wam ukuba uthando selwaba sisiqalekiso kwagabadela inkohliso nenkohlakalo. Uthando sisifo esityhutyha sibulale ingomso namhlanje uzulumnke inene lundenzile. Ndifuna ukuthi uzungazi soli Nomonde awuzange uzicelele okwenzeka ngolwa suku, wawungazi nam ndandingazi.

Qhubekeka nobomi ngendlela eyiyo hayi ngoba uzama ukulibala okwenzeka ngolwasuku. Ndisakuthanda ukuthanda andiphinde ndiyeke, kodwa wena awunokwaz ukuthanda umntu ozohlala iminyaka ungamboni, umntu ozobe nxibene ne zinto ezi orenji. Umntu ozobe ehleli nabo phuli mthetho.

Nawe ungazinto uzululumnkele uthando kwabanye abantu ngamazwi kuphela, qokelela ingqondo uqiqe uqonde ungaqabuki sekumnyama. Uzungamfameki ngenxayo thando uzozibona ukwesimnyama njengam mna ndabulalela uku khusela endimthandayo.

Khawusixelele: Ibali lombhali likwenza uzive njani na?