Kwakungathi kuyaxokwa xa kusithiwa ndibulele igazi lam. Ukungazi kuyafana nokungaboni.

Kusekuseni, kukhale ifowuni ndiyibambe. Hayi bo, yimpintshi yam ithi masiyophanda. Siyinxile sayiqhiba imali besinayo. Ndithe xa ndiyokukha amanzi ndadibana nomnye umama onxibe impahla ezinesidima, wathi xa efika ecaleni kwam wama wabe ethetha engcangcazela.

“Ndibona igazi lakho lichitheka,” watsho, “ndithi sindiswa.”

Ndaye ndamthuka ndathi, “Hamba apha xoki ndini lenja!”

Ndathi xa ndigqiba ukuhlamba, ndizakufowunela umhlobo wam ndimxelela ukuba sekulixesha, ndakhumbula laa nto ibithethwe ngula mama. Ndaphinde ndathi, “Hayi mani! Andinova ubuvuvu endibuxelelwa ngonomdakazana, ndingenwe yintoni khona ndacinga izinto ezingabhadlanga. Khawuthi ndifowune, sizoyosebenza notshomza wam.”

Umsebenzi esasiwenza yayikukuxuthela abantu izipaji neefowuni kuba sasifuna utywala.

Sabagacela ke abantu abasuka emsebenzini sibaxuthela iimali zabo. Yayi ndim inkulu yabo kuba ndandinamandla kakhulu. Kwathi gqi lo tata mkhulu ndama phambi kwakhe.

“Khuph’imali dyakalashe.”

Uthe akungafuni ukuyikhupha ndamhlaba amanxeba asibhozo, ndathi masityeni kwabanentsente kwiimpintshi zam.

Ngengomso umama uyandivusa uthi ufuna ukuthetha nam. Ndaye ndambuza ukuba ibingenokulinda na loonto andifunela yona? Ndathi xa ndimjonga emehlweni ndabona ukuba ibalulekile lento afuna ukuyithetha futhi iyamtya, akanguye laa mntu aqhele ukuba nguye.

Wathi kum kukho into afuna ukundixela yona. Laqala apho ixhala ngaphakathi ndisithi inokuba ndibhaqiwe kwaye ndizakubanjwa.

Wathi masihlale phantsi, ucela ndimxolele kuba wandixokisela iminyaka le yonke.

“Mama, ndicela ungene emxholweni kuba uyandoyikisa ngoku,”

“Utata wakho ayinguye lo sihlala naye. Ndicela undixolele. Utata wakho usweleke izolo, uhlatywe amanxeba asibhozo. Kwakungamelanga ndikuxokisele kwasekuqaleni, utata wakho wandishiya ndikhukhulelwe esithi ufuna ukuzokuphangela apha kweliKapa. Kwakunzima empilweni yam kwaye kwanyanzeleka ndivume uDavie ukuze akwazi ukundihoya.”

Hayi bo! Lo mama uthini apha kum?

Yayingathi ndimamele intsomi. Kwakubuhlungu kakhulu empilweni yam, ndandingazi ukuba ndibambe eyiphi ndiyeke eyiphi. Ndaye ndangqala ekamereni, ndakhala ndade ndalala. Ephupheni lam kwaye kwavela umntu ongumama ephethe ibhayibhile wathi, “Sindiswa, okwenzekile kwenzekile.”

Ndaye ndakhawuleza ndavuka.

Ndaye ndahlala ndalicingisisa kakuhle eliphupha. Ingaba lichaza ukuthini? Kwabuya zonke iingcinga zala mama ndaye ndothuka. Hayi! Wazi kanjani na lo mama isazela siyanditya? Ndakhe ndaya evenkileni. Xa ndifika nanku lo mama usindisiweyo. Ndaye ndambulisa ndacela ukuthetha naye.

Ndaye ndacela uxolo, ndamxelela ukuba ebenyanisile lanto ebeyithetha.

“UThixo akaloxoki, wena ubiziwe ungoka Thixo.”

Kwaya kubangcono kakhulu ndaye ndamamkela uYesu. Kwakufuneka nditshintshe iindlela endiyiyo. Ndaye kuqala ndacela uxolo kumama notata endihlala naye. Ndandicela uxolo nakwabanye abantu, abanye babelwamnkela abanye besithi ndingumzenzisi. Okwakubalulekile kum kwaku kuba uxolo ndilucelile.

***

Sixelele: Ungamxolela lomfana?