Kwaye kubamnyama nyani

Ukuba yintandane akuyonto yayindihlupha empilweni yam ngoba bendihlala ndizikhuthaza ngelokuba akundim ndodwa into yokungazazi ukuba ndingubani ndiya phi kwakuzizinto endingazikhathalelanga.

Ekuhambeni kwexesha lanto uyakulandela yokuba zazi ukuba ungubani. Ngamanye amaxesha yinyani ukuba ezinye izinto zilungile zihlale ebumnyameni ngoba azilimazi mntu nditsho njee kuba ezam inyani zathi zisovela ekukhanyeni kwangathi bendisekukhanyeni kungona ndingena ebumnyameni nyani ngoku.

Igama ndingu Winnie ndikhule ndiyintombi eyathathwa kumama wayo isencinane yaze yakhuliswa ngomnye wamankazana katatakhe. Indoda endizalayo nguRodger, ngelishwa utata wayeyindoda etshatileyo enonkosikazi nabantwana endaweni yaseMqanduli.

Utata wazama ukuyondibeka kulo mhlaba wakokwabo kulo nkosikazi yakhe kuba endifunela ubom obufana nabanye abatwana kodwa ke zange ndifumane kwamkelwa kulondawo. Oko kwamenza ukuba andiphindisele eGoli kulonkazane yakhe wayephilisana nayo apho waze wandishiya khona wayophangela.

Ndatshonelwa ngamalanga, ahamba amaxesha, zanetha imvula tata wam akabuyi noko kwabetha kwagqhithwa kum. Kwade kwafika ixesha apho ndikhula khona oko okwamane kundihlaba xandisiva abatwana basekhaya xabethetha ngemvelaphi zabo. Owam umama wayemani ukundikhuthaza ngokundibiza ngezakhe iziduko kodwa ufumaniseke ukuba lanto yayinditya noba sendihleli ndodwa adisayithethi ke eyabantu abazomane bekubuza ukuba ungubani, waphi ozalwa ngubani.

Yayihlala inditya lanto mna ngoba abanye abantwana babevele bazichaze bekhululekile. Kodwa okuhle uThixo wandipha ithuba lokuba nomama noba ebengandizali ngoba abam baphela emehlweni. Kodwa ke okuhle wandikhangela utata wandifumana nangona saphela ngokungxumana ngeselula efuna sidibane kanti ngobumnyama obundongameleyo. Mna ngoku nicinga ndisekukhanyeni ndafikelwa zindaba zokuba uswelekile ndisesikolweni. Ubuhlungu obafikela intliziyo yam busekhona nanamhlanje.

Akandikhulisanga andali wakhetha ukunika abanye abantu umthwalo wakhe kodwa uthando endinalo ngaye aluchazeki. Ndisacela ukumchazela ukuba, “Tata apho ulele khona uyandicinga na? Ngoba mna ndiyakucinga ndiyazi ezo mhlaba awusayi kuzihlupha ngazo, ulifulathele elalomhlaba singazange sikwazi ukuchitha xesha ndawonye mna nawe. Mininzi imibuzo endinayo owadishiya nayo. Uyathandwa tata yintombi yakho enguWinnie akusenamsebenzi ukuba wandisusa kumama kunamhlanje andimazi ngenxa yakho kodwa uyazi wena ukuba kwakutheni. Ndiyiphilile impilo yam ndiyintandane ubunzima endiye ndajongana nabo buninzi kodwa akusenamsebenzi ngoku. Ekulifulatheni kwakho eli wandishiya undazise kusapho lwakho. Oko kwandenza ukuba ndibenemincili novuyo ndisonwabele ukuba ndinosisi nobhuti abathi mna esichitha igazi elinye nabo kodwa izinto zange zihambe ngolohlobo ndandizibona ngalo. Okwababuhlungu tata kukuba intombi yakho yokugqibela indiphike ithi andinguye umntana wakokwabo. Yaze yanzima impilo ndaqala ndazibuza undishiyeleni kwakhona ngoba ukulala nawe kulomhlaba obandayo kwakungeyongxaki kum egameni lokuba ndizoba nawe. Lala ngoxolo bhedla omkhulu wena owabhangisa abelungu ngodiza.”

Namhlanje ndiziphilela ubom bam usapho lwakhe alunandaba nam kwaye noba ndingasokola kangakanani abanamsebenzi nalonto bona ke, ndakhetha ukuhambela kude kunabo ndiziphilele ubomi bam nalona wawundishiye naye. Umntwana akayonto ngaphandle komama nam andiyonto ngaphandle komzali wam endimphiwe nguThixo.

Zininzi intandane ezilapha phandle kwaye ndiyabazi ubunzima enijongane nabo kodwa ndifuna ukuthi yomelelani ningalahli ithemba nizophumelela. Zikhanyisele esakho isibane ngoku sekutshabalele yonke into ningazi zixhaphazi ngeziyobisi. Zithande ungazikhathazi ngezinto ezikude kunawe ngoba nam ndazakhela ubumnyama ngokufuna ukwazi okuninzi. Ziphilele uThixo ukukuphila impilo phumelelisa amaphupho akho. Isikakhulu nditsho kuni mabhinqa. Musani ukuzifaka ebantwini abanganifuniyo ze nizakhele ikamva lenu.

***

Khawusixelele: Elibali likwenza uzive njani na?