Intliziyo yam iyasinda

Kwaye akhekho onokundiphathisa

Ndijongile nje akekho nonokuyipholisa

Akekho onokumelana nale ntlungu

Ndifuna ukulila kodwa inyembezi aziphumi

Ndifuna ukukhwaza nditswine kodwa kunzima

Okwam kwaziwa ndim

Kukhathalelwe ndim

Uyazi ngumnqa lo

Mzuzu mnye ndiqhayisa ngawam amhlophe

Komnye ndiphantsi kwengubo umqamelo umanzi

Azi ngubani na endinokukhala kuye

Ngoba ayingangam le ngoku

Ingaphezu kwamandla am

Kuvakala ngathi babenyanisile

Xa babesithi zose ndibento

Soze ndiwuvuse okaZondwa

Ngoba ngale ndlela ndiqhuba ngayo akukho themba

Ngendlela endikhala mhla nezolo ngayo