Ewe ndandenze okungalunganga, ewe ndabaphoxa ngendlela zonke. Ewe babengayilindelanga kum kodwa intshwabulo endazifumanayo zandibulala ngaphakathi. Wayicanda intliziyo ngamazwi akhe, yaxhaxheka kwaye soze iphinde ingcibeke. Ewe ukumitha kwam kwaphoxa abaninzi kodwa mzali indlela owathetha ngayo kum asoze ndiyilibale kwaye ndakufa nayo. ” Noba ungazala umntwana ofileyo, noba ungazalela pha egaitini asoze ndikuhoye”, soze ndikuqeshele nemoto enokusa esibhedlele, soze uze nalonto yakho apha uyakubona ukuba mawuthini, akhomntu uyoze agule apha kwam, ezi zinja zingazaziyo ukuba zifunani”. Lawo yayingamagama awakhupha ngomlomo wakhe. Kow!! Abazali basibulala siphila, zininzi into owazithetha kum endingasoze ndizilibale kodwa andifuni kutyatyadula ndithethe okubi hleze kuthi kanti…

Intliziyo lihlwili, wandihlaba elingasoze liphole, igazi laliphuma ngapha kwezandla zam ngexa isandla sisentliziyweni sibambe ukulila kwentliziyo. Ubuso bugcwele zinyembezi andingakwazi uzibamba. Ewe, ndonile ndiyavuma kodwa amazwi ona andibuyisela umva.

Ewe undikhulisile, undikhulise ngendlela endingasoze ndiyidele, ewe bendingumntwana ovayo. Andizanga nangelanga elinye ndahlupha nganto, zange wabizelwa esikolweni ngenxa yam. Lonto ithetha ukuthi bendingumntwana okhethekileyo nowenza izinto ngendlela ezinomahluko. Zange ndaphuma endleleni, le ndingatsho ndithi sisiganeko sokuqala ndiphumile endleleni kodwa indlela ondicaphukela ngayo ingathi bendingumntwana lo ebekuhlupha. Kodwa ke ndivile, ndifundile, kwaye ndiyoze ndizilungise iziphene zam ngenye imini.

Indlela ondicaphukela ngayo ingathi zange wandithanda ekuqaleni. Ndiva kabuhlungu kuba izinto ozithethayo zindibonisa nto imbi ngawe. Uthi khona lalukhona olothando phofu okanye yayikukundikhohlisa nje? Ukuba lwalukhona kutheni sekunje nje na ngoku? Awuxoli yintoni mntu omdala? Ingase uhlale uyazi ukuba izenzo zam ndiyazixolisela, ndiziguqela ngedolo ndisonge izandla, ndithi “ndifundile, nndiyalekile koko ndicela uxolo. Kodwa ndiyayazi ukuba soze undixolele kuba sewundifungele kakade. ” Ndiyakumthuka ade ayozala lonja leyo”. Yazi ukuba usobizwa ngesilwanyana esinamanqina amane konakele.

Kazi iyozala komoni na?