Ngxushu ngxushundini yedabi

Mngquzuli mqhekezi wezihlobo

Mphixanisi woluntu loMzantsi

Mxhaphisi wooxam bephaxulana

Mbono ndin`omasikizi

Mbono ndin`obambis`amazinyo

Mbono ndin`obalekis`amehlo

Mbono ndin`onyakazis`intloko

Wen`uthatha konke ngasandla sinye

Wen`uthelekis`imizi uyishiye injalo

Bhubha ohlonishwa nazinkokheli zakhe

Mlil`ongasokuze ucinywe mntu

Mphunculi wemiphefumlo yabantu beli

Nobangela weengxwelerha kubantu

Mphambukisi weentliziyo kubantu beli

Mxuthi weengqondo zabamnyama

Nozala wenzondo ndith`amba sathana!

Udal`umonakal`ungena ngono zakuncancisa

Ugawul`imizi kungekho

Zindlu zakusithela ndith`amba bhubha!

Hambaa!! Samfumfu!! Ndini!!Izwe lethu!!