Ngxushu ngxushundini yedabi
Mngquzuli mqhekezi wezihlobo
Mphixanisi woluntu loMzantsi
Mxhaphisi wooxam bephaxulana
Mbono ndin`omasikizi
Mbono ndin`obambis`amazinyo
Mbono ndin`obalekis`amehlo
Mbono ndin`onyakazis`intloko
Wen`uthatha konke ngasandla sinye
Wen`uthelekis`imizi uyishiye injalo
Bhubha ohlonishwa nazinkokheli zakhe
Mlil`ongasokuze ucinywe mntu
Mphunculi wemiphefumlo yabantu beli
Nobangela weengxwelerha kubantu
Mphambukisi weentliziyo kubantu beli
Mxuthi weengqondo zabamnyama
Nozala wenzondo ndith`amba sathana!
Udal`umonakal`ungena ngono zakuncancisa
Ugawul`imizi kungekho
Zindlu zakusithela ndith`amba bhubha!
Hambaa!! Samfumfu!! Ndini!!Izwe lethu!!