Nkosi yilwa nabalwa nam,
Qhaqha lapho ababophe khona,
Ndifihle kwintshaba namarhamcwa omhlaba
Ze ungandilibali xa usehla
Uzopha abantwana bakho amandla neentsikelelo
Hlala nam Nkosi, undilondoloze
Undibeke endaweni ebanzi.
Ungandilibali nalapho endihamba khona, usoloko unam simakade.
Maluqhube usuku ngokwentando yakho
Thixo.
Amen