Ntondini efana nencindi yekhala
Bumnyama ndini obungena kulinganiswa
Rhamncwa ndini olutshabalalisa ilizwe

Unje ngo mhadi wokungcwaba uluntu
Unje ngesagweba sokutshabalalisa uluntu
Yhini na ukuba nekratshi ngoluhlobo
Yhini na ukuba nenzondo ngoluhlobo

Kanti ulonwabo lwayaphi na?
Kanti ubuhlobo bayaphi na?
Satshabalala isizweesimnyama
Intsusa bubuhlungu bentliziyo