Kakoku kuyintlungu, kwaye yimbilini.
Kweyam intliziyo kumanxeba-nxeba,
Lento is iluthanda yincindi yekhala,
Ndive nditshotshozela elam inxeba,
Empemfulweni ndimona butyhafa,
Kaloku imizamo yam iphela,
Oko mlilo wamaphepha,
Kaloku ndayiva ubanda eyam intliziyo,
Ndizibuza ba kwatshona ilanga emini,
Kaloku eyam indlela imagenxa-genxa,
Ndixhathisa ngezivubeko zokophuka kwentliziyo,
Xola kaloku moya yam,
Intliziyo ithanda apho ndithandwa khona,
Kodwa yayineminqweno yolwakho uthando.
Kaloku maxa wambi ndiziva ndilahla phantsi,
Ezothando kodwa kakoku ezibuhlungu ezipheli.