Tata!Tata!ubuyaziya phofu uba wahamba nolonwabo lwam,ubuyazi ukuba akumnandanga ukuphila ngaphandle kwakh?Xa ndikucinga intliziyo yam iba ilihwili.

Ubuyazi ukuba ungoyena mntu ondivise ubuhlungu ngokungabikho kwakho.

Tata ndive kulendawo ulele kuyo andifuni mali yakho,ndingafuni lifa lakho kodwa ndifuna ukuba ube lidlozi elihle kim.

Isilonda owandishiya naso andazi sophala nin.Wandiqhweshela Tata imihla nezolo ndizibuza ukaba ingaba nah lengubo owahamba uyombathile isaphilile nah?Impahla wawuzinxibile zinjani zona?Yona lendlu wafakwa kuyo injani ukubola zimvula zalomhlaba?

Tata!Tata! undishiyelani?

Uthi uMama enze njani xa kunje elizweni?

Uthi asifukame njani kulamanxeb’abadlululo anayo?

uThixo ukwazi ukukuthabatha ndiyavuma ibiyintado yakhe.

Kodwa uthin ngam sendililolo intw’edla magade ngenxa yokuhamba kwelihlabathi.Tata!Tata! undishiyelani?

E.Hlwayi