Kunamhla ndisemgiben’obotshwe
Ngedyhokhwe lenkabi.
Tata nam ndizothanda ukubonga,
Undibonisile uthando onalo ngam
Kodwa sekumele ndikudedele khon’ukuze
uzophila impilo engenandaba zimbi.
Owh! Ndisazibuza nanamhla. Kanti mna
ndingonjani, hayi phofu kakade le yimpilo
esiloko siyiphila xa uneStep Mother.
Kodwa ke mna ezam izandla ndizihlambile
Andisoze ndibuyele mva ngoba kaloku
Esam estep Mother sindonyanya okwesitya
Sehagu.
Sele ndonele intliziyo ilihlwili, ndithi
ndakujonga imeko endikuyo ziphume zimpompoz’ubhek’ezantsi linyembezi.
Kanti xakuthethwa ngembokodo kutshiwo
into enje? Ngumbuzo endihlala ndizibuza wona
Impendulo endingayitholi kanti kuyoze
kubenini labantu sithembele ngabo
baphenduka izilwani ezingenalusizi.
Ayingabobonke imbokodo zokwenene abanye yimikhuma xa umthembile vele asabalake
akubonise ubuyena bakhe.
Nam ndandingazi.