Ngeba ndibhala ngothando hayi intiyo nenzondo

Ngeba ndibalula imfundumalo yasefukwini

Ngesigama ndikhankanya izibele nezinwe

Kumhobe ndiqhayisa ndizidla ngobushushu babo

Ndizele yimincili, igugu neqhayiya ngabakwethu

Ntonje ndikhethe ukuba litshipa lecenti ezitratweni

Apho ndingabuzwa mvelaphi nosolala sityeni

Apho ndivumbuluka okwentaka ndingene isixeko

Ndibuye xa limathunz’ anabile lisithi ndithenge

Nyubelele ukungena emodlalweni okwenyoka

Namhlanje belixakekile ezitratweni ezingena lusini

Sijamelene ngezikhondo zamehlo noontanda ndini

Sibangisana ngeekona neezitrato zokungqiba

Sixhwithana ngeeshelene zabathengi kuledolophu

Kaloku apha sonke saza ngephupha nezithembiso

Iimpumelelo nobomi obuntofo-ntofo baseGoli

Amazinyo seza siwalolile nangeefila ezingxavula

Elungele ukuxhwithana lonyama ingaphelilo

De saboleka nawoMakhulu ukuzixhobisa ngesipere

Kuba apho sibhalele khona kuseGoli lodumo

Kwanyama ayipheli, kuphel’ amazinyo endoda

Ngeba ndibhala ngothando lwasekhaya nezihlobo

Ngovuyo nolonwabo lokuchitha imini entsimini

Sihlakula, sibopha sincoma ubuhle beenkomo

Iliso limakuzihlamba ngeentombi phaya emlanjeni

Kodwa ndoyiswa yingqenqesho emva ekhaya

Koko ndiyakubhala ngezisolo bengekalihluthi elisiba kwesisandla ukulithengisela iziyobisi.