Ndiyazama akuzameki
Ndiyazama akho mahluko
Uye wayintoni mzamo?
Inzame zomzam ‘uzamo azilungi
Ithemba alikho ngathi akuzolunga
Ndizame ngamandl ‘am onke
Akukho nto andingayizamanga
Ndizame ngandlela Zonke
Ndizamela ukufezekisa iminqweno yam
Ndizamela amaphupha wam ukuba afezeke
Ndizama ukwenza ikamva lam libe lihle
Ngathi andizami ngokwaneleyo
Ithemba liyatshabalala xa kungalungi nto
Ingcinga azingalunganga zigqubi mini nobusuku
Ngathi akuzophinda kulunge nto
Ndizame ngandlela Zonke akuzamekanga
Inzame azizamekanga
Akukhonto izamekayo
Kuzolunga nini, kuzozameka nini?