Bambi bathi sizimbokodo,
Amadoda athi sizinto zokuxhelwa okwezilanyana.
Singamanina nabantwana asilali buhlayo ngoba siyagetyengwa okwezilanyana.
Bambi bathi singamagqwirha.

Phakamani manina elilizwe silwe lomkhuba,
Phakamani manina nani madoda sifundise abantwana bethu ngendlela yokuziphatha.
Siyawoyik’ amadoda ngoba awasiboneli ntweni.
Namhlanje iintloko zamakhaya ngababulali,
Namhlanje iintloko zamakhaya ziphelela entilongweni.

Masithandaze uQamata simcele angene ezintliziyweni zamadoda,
Masiceng’ uQamata a guquli’ isizwe.
Kaloku Yena uthi celani nakuphiwa,nkqonkqozani nakuvulelwa.
Yena uyivayo ayiphendule imithandazo.
Ngoku Nkosi siguqa phambi kwakho okweegusha ziphulaphule kumalusi wazo
Ndisuke ndoyika