Ndiyoyika, ndiyoyika ubomi 

Obugcwele ububi. 

Awukhathali nokuba ndiyalila okanye hayi. 

Ubomi bugcwele izililo, zabantwana nabadala. 

Ubomi bandibetha, ndalila, ndisalila, 

Xa bandithathela intyatyambo yam. 

Bandishiya noTata, 

Lowo waziva ebuhlungu, ephelelwe ngomoya, 

Ngenxa yentlungu enkulu. 

Ubomi obungenayo intliziyo, 

Bubonisa imifanekiso kaMama. 

Kunyanzelekile ukuba benze lonto? 

Bundophula umphefumlo, 

Ngokundikhumbuza intyatyambo yam. 

Izibetho zakhe ngamazwi, 

Izibetho zakhe ngesandla. 

Ndiyoyika ubomi. 

Abunantliziyo, abunangqondo, kutheni na? 

Kutheni bundenzakalisa? 

Ndandisemncinci, ndalila; 

Ndikhulile, ndisalila. 

Ubomi, bundenzani na? 

Ndiyoyika ubomi.