Ndixoleleni ntozikaBawo ndonile.

Bendicwezela kwelothafa,

Ndingasondeli ebantwini.

Ubuntu ndingenabo,

Umntu ndingamazi.

Noba bendikhwaza ndinganyeki.

Zingeka ndinethi imvula zehlobo.

Nqwaa! Nekhalane ndiqinele enyaleni.

Ndandisithi lomhlaba awuhlabi qha nto nje ndandinqakula.

Ndandisitya ubusi ndilumele ngebisi.

Kuyintoni kum ngoku?

Zafik’ imvula zehlobo,

Zagquba zizitanasela apha kum.

Kunzima ubuyela eluntwini Kuba ndabuzela ngomva ubuntu.

Namhlanje andizaz’ ukuba ndizokhala kubani na?

Namhlanje ndisegxojeni, ndizokonyulwa ngubani na?

Namhlanje ndsengxakin, ndizohlangulwa ngubani na?

Ndixoleleni.

Ndixoleleni sizwe sikaNtu.

Ndixoleleni sizukulwana sikaHintsa