Ndisele ndedwa

Ndibethwa ngumva ndedwa.

Ndicinga andide ndigqibe

Kuba eyam impilo ibineetshomi phakathi.

Ndandingaziva yimincili

Ndizibona ndingothandiweyo.

Xa ungabuza ucingo nefestile

Ukuba iyandazina, zingavumelaphezulu.

Bendizindwendwela ngorhatya

Ekhaya besazuba ndilele.

Bekuba kungacinywa isibani

Ndilinde kancinci ndibesendiyeqa.

Ukusa kuyobonwa ndim

Sele ndibuya kwamathandantliziyo.

Namhlanje ndisele ndedwa

Lulila into engapheliyo usana lwam.

Umama akandincedi

Uthi andibize itshomizam.

Itshomizam zindibalekile

Ziyofuna abangenabantwana.

Ndandithi nditya ubom

Kanti buzotya mna.

Unomafastele undingqingile okwethole

Andisakwazi ndisho nokuyogqibezela isikolo.

Umama undikhumbuza iziyalo

Aye ndiyala ngazo imihla namalanga.

“Uze uziphathe kahle ntombam

Ungaleqi ukuzala, ufunde ugqibe isikolo.

Ungayileqi impilo kuba ayibaleka

Abafana boshiya uphethe usana

Bona babe beqhubeka nempilo”

Ndisele ndedwa

Nonomafestile

Umama untanam wametha igama

Wathi ngunomafestile kuba ndandiphuma ngayo.