Ndivuswe ngentseni imvula isitsho ngamandla

Ziingqaqambo zeentsiko ndipenapena

Iintuthumbo zanditsho ndankenenkene

Ifikil’ inimba kway’ ize ngamandla

Ndiphaphanyiswe ndaphuthunyiswa esibhedlela

Kungekudala ndafika ndingabalisanga

Izingqi zomnt’ omntsha zingandiphumlisanga

Ndifikile nozala kwangathi utsho ozayo

Kwiyure ndifikile gqi qhaphu nankumnt’ omtsha

Ngesikhalo esikrakra sikrazul’ elo gumbi

Ngumntana mni mongikazi ndabuza

Ndakhwaza ndakumbona “ndinonyana ndinendlalifa” 

Itumtumana lenkwenkwana ebutubut’ umzimba

Etsho ngamahlontlo ngathi kad’ ikho

Ebunzi liqine ngathi yinkonde ekad’ idla’ amazimba

Yimincili noncumo kweyam intliziyo

Yanga lungahlala umlibe esifubeni olu sana

Ndilwange ndiluphuze ndilubuk’ ol’ usana

Kalok’ emva kwamalinge aliqela 

Namhla ndinonyana ndinendlalifa