Magqabomthi ka Qamata sizukulwana sakwaXhosa bhotani mawethu

Elokusabela ndingu thembelihle ukanti elabadala ngu Jongile

Ndimi apha ngoku ndululwa yintetho elungiselelweyo phantsi kwesihloko esithi NDINJENJE NGU MAMA

Ndingatyanga maxesha mandigawule ndiwarhuqa.

Akukho nto iyoze ibaluleke okudlula umama apha ehlabathini ,

Oyena mhlobo wam nguMama kuba usoloko ekhona ecaleni kwam maxa wonke.

NdinguloMntu ndinguye xa kunamhlanje kungenxa kaMama ukuba ibengenguye ngekungenje ,

Indlela andiququzelela ngayo unqwa nesikhukhukazi sikhusela amantshontsho waso.

Akazange nangenye imini andiyekelele uMama

Uyabukhanyisa ubomi bam kwaye andiziboni ndiphila ngaphandle kwakhe

Imfundiso zakhe ziyandokha

Maxa wonke uhlala esithi kum

“Mntana wam sukuzifanisa nabanye abantwana zazi ukuba uphuma ekhayeni elinjani”

Mna ke ndakuthatha nje ngokunqwala kuba yena sube enyanisile.

Ndiyoze ndithi ndicela into athi “linda impela nyanga ukuze uyifumane”

Lawo mazwi andakhile kwaye andisindisile ezintweni ezininzi ezenzeka kulemihla siphila kuyo.

Ngaba ndiyamtyhola xandisithi ikhona into angandifundisanga yona ,

uMama kum unqwa ne nkwenkwezi eyenza kukhanye empilweni yam.

undifukamile , wandifundisa ukuba buphilwa njani ubomi.

Yiyo nalento ndithi ndinje nje ngu mama

Njengoba nisazi ke ukuba umbengo omde uyawucima umlilo

Ngoko ke nam andizikubamde

Enkosi