Abazali bam bandixakathisil’

ngexakatho lobuXhosa

Kodwa ndikwalilo nexhoba

Andingomnt’oxina ndlela yabahambi

kodwa wofika bendixhokonxa bendenz’ ixhoba

NdingumXhosa nje

Ndithunyiwe ngabadal’ukuba nam ndixakathis’awam amaXhosa

Khonukuze ona angabingawo amaxhoba

Ndiqeqeshiwe ngabadala

Kodwa ndiqaqadekile

Ndithi ndiqabel’abe gqith’aph’uqongqothwane

Kuba kaloku ndiligqirha lendlela

Ndithi kuwe mXhosa xhawul’isandla uqal’uqaqambis’ubuqaw-qaw’li bobume bethu

Nje ngabantu abanenwel’eziqiqisholo

Xa ndingumXhosa

Uyintoni na wena?