• Kudala ndithandaza
  • Kudala ndicenga
  • Kudala ndingxengxeza
  • Kanti uphendula abatheni?
  • Kanti uthanda abatheni
  • Ndiyabava bonkers bathi unguThixo
  • Kutheni ungenguye kum
  • Kuthiwa mandikulinde
  • Kudala ndalinda
  • Ndiyahlupheka kodwa uhoye abanemali
  • Uhoye abanikelayo
  • Andinayo bawo imali nawe uyayazi lonto
  • Bawo cela ungandenzi intlekisa
  • Bawo cela undiphendule
  • Ekhaya bajonge kum
  • Mna ndijonge kuwe
  • Kodwa wena ujonge kude lee
  • Jonga kum bawo ndakucela
  • Lungisa ingxaki zam
  • Ndikwenzeni undizonda kangaka
  • Sesiphi esisono ndisenzileyo singenakuxolelwa?
  • Ndixolele bawo uba ndakwenza into
  • Kodwa cela upunishe mna bawo Gayi usapho lwam
  • Ndixolele