Ndidikiwe ukuhlukunyezwa nguwe

Ndidiniwe kukhaliswa nguwe

Ndidikiwe ukubethwa nguwe

Ndidiniwe ukuhlala nawe

Ndanele sisimilo sakho

Ndanele yilendlela ondiphatha ngayo

Kucacile ngoku alusekho uthando

Eyona nto ndiyibonayo yinkohlakalo nenzondo

Wawuthe uyandithanda, uyandifuna

Wawuthe uzondikhathalela uzondikhusela

Kodwa ngoku uyandilimaza, uyandibulala

Waguquka waba sisilwanyana

Okokoko mna nawe sihlale sixabana silwa

Andisakwazi ngoku ukunyamezela

Ndihambile, ndimkile kwelikhaya

Ndidikiwe nguwe