Ndidikiwe ukuhlukunyezwa nguwe
Ndidiniwe kukhaliswa nguwe
Ndidikiwe ukubethwa nguwe
Ndidiniwe ukuhlala nawe
Ndanele sisimilo sakho
Ndanele yilendlela ondiphatha ngayo
Kucacile ngoku alusekho uthando
Eyona nto ndiyibonayo yinkohlakalo nenzondo
Wawuthe uyandithanda, uyandifuna
Wawuthe uzondikhathalela uzondikhusela
Kodwa ngoku uyandilimaza, uyandibulala
Waguquka waba sisilwanyana
Okokoko mna nawe sihlale sixabana silwa
Andisakwazi ngoku ukunyamezela
Ndihambile, ndimkile kwelikhaya
Ndidikiwe nguwe